Imbubhane yabakhwetha

UMphathiswa wesebe lemicimbi yeenkosi zomthonyama eMpuma Koloni uFikile Xasa uvakalise umathuko izolo emva kweengxelo zokuba bathathu abakhwetha abasele bebhubhile kweli phondo.

Iphepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa izolo libike ukuba umkhwetha wokuqala ubhubhele kwilali iButhulo eSajonisi. Iingxelo zithi lo mkhwetha uneminyaka elishumi elisine kwaye ufumaneke enezivubeko zokubethwa. Isithethi sesebe lemicimbi yeenkosi ephondweni uMamkeli Ngam uthi bamalunga neshumi elinesithandathu abakhwetha abahlangulwe kwibhoma elingekho semthethweni eButhulo, ze basiwa kwindawo ekhuselekileyo.

“Aba bakhwetha bahlangulwe eButhulo bancinci kakhulu ngeminyaka,” utshilo uNgam esaleka ngelithi ukwakhona umkhwetha ofunyenwe ebhubhile kummandla waseLukhanji.

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi umkhwetha oneminyaka elishumi elinesibhozo ufunyenwe ebhubhile eLujecweni eNgqeleni. UKupelo uthi lo mkhwetha ufunyanwe eneempawu zokudinwa.

UNgam ukwathe ukhona umkhwetha ongeniswe kwisibhedlele iFrere eMonti, logama ekwakhona nomkhwetha ongeniswe kwisibhedlele saseBhisho. Bakwakhona nabakhwetha abangeniswe kwisibhedlele saseMthatha bephantsi kwemeko embi kakhulu.

UXasa udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho ezibhujelwe ngabakhwetha. “Sibongoza abazali ukuba batyelele amabhoma ukuqinisekisa ukuba basempilweni abakhwetha. Futhi sicela ukuba banikwe amanzi abakhwetha, bangabethwa,” utshilo uXasa.

UNgam uthi bangaphaya kweshumi bebonke abakhwetha abangeniswe esibhedlele. UNobhala wombutho weenkosi iContralesa uNkosi uXolile Ndevu ugxeke abazali ngenyhikityha yokubhubha kwabakhwetha.