Imbuyekezo kumafama eBholani eNtshona Koloni

Umfanekiso wamagqabi eti omisiweyo. Umfanekiso: It’s Never Not Teatime

Amafama wesizwe sabaThwa weti yeBholani afumene imbuyekezo esuka kwiinkampani ezivelisa iti yeBholani eNtshona Koloni.

Oku kungenxa yokuba izizwe zabaThwa eziphantsi kombutho weNational Khoi and San Council kwakunye neSan Council of South Africa eWupperthal zafaka isikhalo malunga nokuveliswa kwale ti ngamafama azimeleyo.

Elona bango lale ndibanisela lithi le ti lilifa labo ngokwembali kuba yaqalwa ukulinywa ngooyise babo, benolwazi olunzulu ngeendlela zokuvelisa le ti.

Kuthiwa ngamashumi amane iindawo ezichaphazeleka kweli banga nekulindeleke ukuba zixhamle kumkhwezo waseCederberg, eNtshona Koloni.

Iti yeBholani inembali yokuba yaqalwa ukubonwa kweza ntaba zaseBholani eKapa, oku kwenza ukuba ithiywe ngezo ntaba zeBholani yaseNtshona Koloni. Iintaba zaseBholani zazilikhaya kwisizwe sabaThwa ukusukela kwimihla yakudala, esi sisizukulwana sabo baThwa, amaNama, Griqua, Korana kwakunye neCape Khoi.

Igqwetha ebeliphethe eli bango, uLeslie Jansen, uthi ngenene esi sizwe sinebango elifanelekileyo, kungoko siphumelele isicelo sabo.

“Oku kuqhubeka kwindawo yaseWupperthal kuba leya yeyona ndawo inembali enzulu yokuveliswa kwale ti yeBholani, ibikwayinxalenye yamasiko nezithethe zesi sizwe,” kutsho uJansen.

Indawo yaseWupperthal ibilikhaya kwizizukulwana ezininzi zesizwe sabaThwa kweliya laseNtshona Koloni.

“Imbuyekezo enikwe esi sizwe yimali ezakuthi yobiwe kunikwe zonke izizwe zabaThwa ezichaphazelekayo njengabantu bokuqala ukulima iti yeBholani eNtshona Koloni,” kutsho uJansen.

Afama weti kwiindawo ezininzi kwihlabathi eziquka iAustralia bazamile ukutyala iBholani kodwa ayikhange ifane naleyo iveliswa kwiintaba zaseNtshona Koloni.