Imbuyekezo ye-R50 000 konolwazi ngokubulawa kukasisi kuLuckeez woMhlobo Wenene

Umfanekiso kaNtombizanele Matyolweni owabulawayo nonguSisi kaLuckeez woMhlobo Wenene
AMAPOLISA aseMpuma Koloni akhuphe imbuyekezo yemali ekwiR50 000 kuye nawuphi na umntu onokunceda kubanjwe futhi kugwetywe umrhanelwa okanye abarhanelwa ababulala uNtombizanele Marina Matyolweni eMdantsane ngo2018.

UNtombizanele ngusisi kaThembinkosi Matyolweni owaziwa njengoLuckeez Mfowethu kuMhlobo Wenene FM.

Amapolisa athi umzimba kaNtombizanele wafunyanwa ugcwele ngamanxeba ngomhla weshumi elinesithoba kweyoKwindla 2018. Amapolisa alwenza uphando kodwa akuzange kubanjwe mntu.

“Amapolisa amemelela kuye nabani na onolwazi ukuba aqhakamshelane nomcuphi uSajini Unathi Makala ku
073 444 0904 okanye 043 708 4600/4612. Lonke ulwazi lwakuthatyathwa njengemfihlo,” utshilo uKapteni Khaya Thonjeni wamapolisa ephondo.

ULuckeez kudala imkhathaza into yokungabanjwa kwabantu ababulala usisi wakhe. ULuckeez, kumatyeli aliqela edlana indlebe nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, ebebanga ngelithi kukho unyawo lwemfene kumbandela wokubulawa kukasisi wakhe.

Lo msasazi uthi ukubulawa kukaNtombizanele kwaqala ngezilumkiso, ethukwa efowunini.

“Usisi wam wahlaselwa wayokubhubhela esibhedlele,” watsho uLuckeez.