Imbuyekezo yeR50 000 konolwazi ngokubulawa kwexhwele laseMdantsane

Sele ingunyaka wesibini lingaziwa ukuba ladutyulwa ngubani ixhwele laseMdantsane, uSiphiwo Nyobo, nobebizwa ngoMawawa. UMawawa wayekwangumnikazi weqela lebhola ekhatywayo iTornado eMonti.

Amapolisa ephondo akhuphe imbuyekezo yemali engange R50 000 kuye nawuphi na umntu onokunceda kubanjwe abarhanelwa abadubula le ndoda.

UNyobo, 55, wadutyulwa ngomhla wesibini kwinyanga kaMatshi ngo2018 ngamadoda amathathu ngethuba egqiba kubukela iqela lakhe iTornado FC kwibala lezemidlalo eNorth End eMonti.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo, uKapteni Khaya Tonjeni, ithi uMawawa wadutyulwa xa kanye ephuma ngamadoda amathathu angaziwayo awayehamba ngemoto iVW Polo eyayingenanombolo, emva koko agqotsa ukubaleka.

UTonjeni uthi zibe liqela iinzame zokufumana ulwazi nobungqina malunga naba barhanelwa bathathu.

Amapolisa abongoza nabani na onokuthi abe nolwazi olunokuthi luncede ekuvalelweni nasekugwetyweni kwesi sithathu. Lowo uze ngaphambili nolu lwazi uya kufumana isixa esiyiR50 000 kwaye igama lakhe lakufihlwa.

Onokuba nolwazi angatsalela umcuphi ophanda ngetyala uCol Bonisile Mkupa ku: 071 671 7770 / 083 2565 760 okanye kwiofisi yakhe: 043 7070 653.