IMdantsane FM izilele ukushiywa ngumsasazi

IMDANTSANE FM nesisikhululo sosasazo sasekuhlaleni kwingingqi yaseMdantsane, igutyungelwe lilifu elimnyama emva kokuphulukana nabanye boompondo zihlanjiwe kusasazo lweenkqubo zaso.

Esi sikhululo, siphulukene noAnelisa Zitumane obedume ngelikaDeeQue emoyeni.

UZitumane usutywe kukufa ngoMgqibelo (18.06.2016) emva kokugaxeleka kwingozi yesithuthi.

OnguMdidiyeli oyiNtloko kwiMdantsane FM uKaizer Mabulu, uxelele I’solezwe lesiXhosa kudliwano-ndlebe ukuba, ukuphulukana noDeeQue Zitumane kushiye isikroba esikhulu kwesi sikhululo, ingakumbi kwindawo yaseMdantsane nakubaphulaphuli.

“Asikayikholelwa kunangoku, asiyibonanga naxa isiza, kude kube ngoku iseliphupha kuthi,” uthethe watsho.

UKaizer uthi uMdantsane FM ufikelwa sesi sithwakumbe usazama ukuziqhelanisa nokushiywa ngomnye wabasebenzi becandelo leendaba kwesi sikhululo, uNoluntu Gantana.

Ngokwengxelo esiyifumene kuKaiser, uZitumane ufikelwe lutshaba lokufa xa evela kuthabatha inxaxheba kwiTruFM Talent Search Auditions nebezibanjelwe eMdantsane kuMgqibelo ophelileyo.

“Ingxelo ithi uDeeQue [Zitumane] ubethwe sisigadla ngethuba esagobile ebopha imitya yezihlangu eNU. 3 eMdantsane. Bekumnyama, kwaye ufumene umenzakalo entloko,” utshilo.

UZitumane ebengenela ityeli lesibini kwiTruFM Talent Search Auditions kulo nyaka.

UZitumane wenze iinkqubo eziliqela eMdantsane FM, nesingabalula iWeekend Breakfast, iDrive Time neGroover’s Lounge.

UKaiser uthi kulindeleke isikhululo sigxwal’ emswaneni ngokubamba inkonzo yesikhumbuzo ngoLwesithathu (29.06.2016), ngelixa usapho lucwangcisa ukumbeka kwikhaya lakhe lokugqibela ngoMgqibelo (02.07.2016).

Ulale ngoxolo mfo kaZitumane, ngenene isitya esihle asidleli !