Imeko etsarhayo kwisikolo sakuGatyana!

Amagumbi angasese onakala ngonoquku eWillowvale High School Umfanekiso: Uthunyelwe

Xa usihla ngendlela kwidolophu yakuGatyana ube usuka kwicala langaseDutywa, kwingalo yakho yasekhohlo, utsalwa bubuhle besikolo samabanga aphakamileyo iWillowvale Secondary.

Esi sikolo sakhiwe sasemgangathweni ophezulu. Xa usijongile ungacinga yonke into intle ngaphakathi kuso, kanti hayi ukhe phantsi isitya sigcwele.

Nangona iindonga zesi sikolo zinomtsalane zona, amagumbi angasese amdaka ngeyona ndlela kwaye onakala ngonoquku. Umzali nomntwana ofunda kwesi sikolo bathi izintloni imeko yesi sikolo.

“Andifuni kuxoka ndithi mingaphi iminyaka zingasasebenzi izindlu zangasese kwesi sikolo. Ukusukela ngonyaka ka2016 ndihamba iintlanganiso kwesi sikolo. Qho ndisiya ngasese ndifika igumbi langasese limdaka libe linyakazela zimpethu,” utsho lo mama.

ISekela Nqununu kwesi sikolo uNosintu Mbeleki, uxelele I’solezwe LesiXhosa ukuba ewe ibikhona ingxaki kwesi sikolo kodwa ngoku iyalungiswa.

“Uyabona lo mzali ukuxelele le nto kuyacaca ukuba akazihambi iintlanganiso zesikolo. Ndiyavuya ukuba udibene nam kuba ndim umntu ojongene nophuhliso lwesikolo. NgoLwesibini umhla weshumi elinesithathu besinentlanganiso nesebe lakwaPublic Works nalapho besibonisana malunga nezinto eziza kuthi zifuneke. Imibhobho yona sele ikhona. Ndizama ukuthi hayi yonke into icwalile apha kwesi sikolo,” utshilo uMbeleki.

Omnye wootitshala kwesi sikolo, uzityande igila malunga nemeko yezindlu zangasese apha kwesi sikolo.

“Lulwimi etywaleni into yokuba bekukho intlanganiso nesebe lakwaPublic Works. Andazi kutheni kufihlwa amabibi kangaka. Yiminyaka oko kwathiwa uPublic Works uza kulungisa amagumbi angasese apha. Xa ufuna ukuya ngasese uya ehlathini uyozinceda khona. Kungenjalo kufuneka uphathe iponti ukuze ungene kwezi zikawonkewonke zisedolophini. Isidima sootitshala asikho tu kwesi sikolo. Ootitshala ababhinqileyo basebenzisa amapheyile xa befuna ukuchama. Ngamanye amaxesha ukuba umntu uthe walibala ukulahla umchamo wakhe ngezolo okanye uthathe impelaveki, uya kufika kubophile endlwini ngenxa yevumba lomchamo,” utsho utitshala. Umfundi uthi imeko imaxongo kwisikolo sabo.

“Mna ndifike ngonyaka ka2017 apha kwesi sikolo kwaye ndafika zimdaka izindlu zangasese. Xa sisiya ngasese singena ehlathini. Imeko yethu imbi kakhulu ingakumbi thina mantombazana kuba singadlwengulwa nokudlwengulwa ehlathini. Qha ke ayikho enye indlela,” utsho umfundi.

Isithethi sesebe lezeMfundo eMpuma Koloni uMali Mtima, uthi iSebe lezeMfundo lunalo ulwazi ngento eyenzeka eWillowvale High School.

“Emva kokuba sithe sayiphonononga imeko yesi sikolo kuye kwafumaniseka ukuba iza kuxabisa imali eninzi kakhulu ukufakela iimpompo. Ngethamsanqa kukho iprojekthi ezayo kungentsuku zatywala eza kuthi yenze ufakelo lwemibhobho kwesi sikolo kuba konakale isitishi selindle,” utsho uMtima.