Imeko ibuyele esiqhelweni eWSU

Isakhiwo esiyiPink House saseWSU sisitsha. umfanekiso: uthunyelwe

Iinkokeli zebhunga labafundi kwiYunivesithi iWalter Sisulu kwiziko iNelson Mandela Drive eMthatha, zithi ziza kuyijonga ngeliso lokhozi imeko yokuphunyezwa kwezindululo ekuvunyelenwe ngazo nabalawuli bale yunivesithi.

Le ntlanganiso ethathe usuku lonke lwangoMvulo, ibilandela eyangempela veki egunyazise ukuba kubuyelwe kumagumbi okufunda kulandela ukuvalwa kweli ziko ngoLwesine.

Iinkokeli zabafundi zikhwebe le ndibano nabasemagunyeni kweli ziko ngenjongo zokuvakalisa ukungaxoli yimiba eliqela equka ukuhliswa kwenani elithile labafundi abamkelwayo, kwanokuhlawulwa kwemali engumyinge ka20% ngabafundi abanamatyala. Ngempelaveki iinkokheli zabafundi zityikitye isivumelwano sokuba kubuyelwe kweli ziko.

Ilungu kwisigqeba esimele abafundi eNMD uMxolisi Zoko, uthi nangona imiba eliqela kuvunyelwene ngayo kodwa isekhona ekusalindeleke ichotshelwe kwintlanganiso yebhunga emva kokuba abasemagunyeni besithi idinga ukuchotshelwa kwinqanaba leyunivesithi.

“Imiba equka ukongezwa kwendawo zokuhlala abafundi ngaphandle, ukuhlaziywa kwezindawo ngaphakathi, eyokulungiswa kwenkqubo yokubhalisa neminye – sivumelene ngayo nabalawuli. Kususela ngoLwesithathu, kuzokuqaliswa ukubhaliswa kwabafundi. Sithe makuqalwe ngabafundi abanamatyala sizokubona kuhanjwa ngokwesivumelwano sethu kusini. Ingxaki esinayo kuyavunyelwana kwiingxoxo kodwa zingaphunyezwa izindululo,” utshilo uZoko.

Abafundi bangenele ugwayimbo ebutsheni beveki ephelileyo, nto leyo ibe ngunozala wokutshiswa kwesakhiwo iPink House. Kuvulwe ityala lokutshisa nokonakalisa impahla.

Isithethi sale yunivesithi uYonela Tukwayo, uthi bayavuya imeko ibuyele esiqhelweni eNMD emva kokuphazamiseka kwenkqubo yokubhalisa kwiveki ezimbini ezidlulileyo.

UTukwayo uthe: “Ndingaqinisekisa ukuba imeko ibuyele esiqhelweni kweli ziko emva kwentlanganiso yangempela veki, abasebenzi sele beqalile ukusebenza ngokwesiqhelo”.

Kusalindeleke iinkokheli zabafundi zibize intlanganiso zixelele abafundi ngeziphumo zale ntlanganiso.