Imeko imaxongo kwaWard 17

UZamile Timbani ugaqele isikhundla sobuceba kunyaka ozayo umfanekiso: Uthunyelwe

Izinto azimntakaNgqika kwaWard 17 kuMasipala waseMbhashe eXhorha. Ulutsha lutyhola uceba wala Ward ngelithi akazikhathalelanga iimfuno zabantu abatsha.

Ulutsha lutyhola ngelithi kudala lihlaba ikhwelo kuceba ngenjongo zokumkhweba kwintlanganiso efuna kuxovulwe ezombethe ulutsha kwakunye neenkonzo zasekuhlaleni.

Ulutsha lakwaWard 17 lunemibutho ngemibutho eyohlukeneyo kodwa luye lazibeka bucala iintlabazahlukane yemibutho koko bagxila ekubeni balungise imeko etya bona kwiWard yabo.

Apha kwimpelaveki ulutsha lakwaWard 17 luthathe isigqibo sokuba luzonyulele umntu omtsha oza kuqubisana nabanye abantu kwindawo yobuceba njengoko kuza kubanjwa unyulo loorhulumente basemakhaya kunyaka ozayo. Inkokheli yolutsha uLunga Vukuhambe uthung’ injob’ ebandla.

“Singaphaya kwamashumi amabini anesihlanu eminyaka oko sathi saxhamla inkululeko apha eMzantsi Afrika. Kodwa zikhona iindawo apho abantu bangenawo amanzi acocekileyo, umbane kwakunye neendlela. Ngelishwa nathi apha kule yethu iward sisenazo iilali ezingenazo ezi zinto sele ndizikhankanyile apha ngentla. Singabantu abatsha kudala sizama ukukhweba uceba wethu ukuze sibonisane ngezinto ezidla umzi. Xa sithe sambiza uye athi makuze umntu abemnye oza kuthetha naye,” utsho uVukuhambe.

UVukuhambe unaba ngelithi imeko kaceba ikhokelele ekubeni ulutsha lakwaWard 17 luzonyulele umntu omtsha oza kuthi aqobisane nabanye abantu kwisikhundla sobuceba njengoko kusiyiwa kulonyulo lorhulumente wasemakhaya kunyaka ozayo.

“Siyiqaphele into yokuba asihoyekanga silulutsha lwale ward. Yilo nto sizonyulele owethu umntu oza kusimela. Apha kule ward soze uve kusithiwa nantsi into edibene nophuhliso lwabantu abatsha. Sibila sisoma sizamana nekamva elingcono kodwa soze ubone nento le isuka kurhulumente ngenjongo zokukhawulelana nolutsha. Apha kukho amaxesha apho abantwana bakhe bangayi esikolweni ngenxa yendlela ezimtyibilizi xa kuthe kwanetha imvula ethathe ixesha elide. Iinqwelomafutha ezibathuthayo xa besiya esikolweni ziye zityibilike kunyanzeleke ukuba zilinde de kurhawuke ukuze zikwazi ukuhamba. Loo nto ichaphazela abantu abatsha ezifundweni zabo. Kule mpelaveki bekungcwatywa kwenye ilali, inqwelomafutha yezidumbu khange ikwazi ukuyokufika emzini onesingcwabo ngenxa yokutyibilika. Kuye kwanyanzeleka ukuba isidumbu size ekhaya siphethwe ngamadoda elali. Ezi zizinto ezibangele ukuba singasongi izandla silulutsha lwale ward,” utsho uVukuhambe.

UZamile Timbani nguye umntu omtsha othe wonyulwa njengomgqatswa oza kukhuphisana kwisikhundla sobuceba kunyaka ozayo.