Imeko okuyo ayisosiphelo sobomi

Ubomi yinto elungileyo, kodwa eyothusayo kwangaxeshanye, singabantu sizalwa singazani nale nto kuthiwa yingxaki, nale nto kuthiwa kukuphoxeka kwaye zonke izinto esizifundiswayo zisixelela ngokuhle nokulungileyo nto le yenza singakulindeli ukuphoxeka ebomini bethu.

Njengoko kuqala unyaka ka 2016 bonke abantu banezicwangciso ezihle kwaye akekho umntu ocwangcisele nolindele into embi, omnye ulungiselela ukungena emtshatweni akanazo izicwangciso zokuphinde aphume, omnye ulungiselela ukuthenga imoto akanawo umbono wayo iphinde ithathwa yibhanki okanye isifa, omnye ulungiselela ukwakha indlu akayiboni iphinda ingabikho, ukanti naxa omnye engena esikolweni ungena eqiniseke ngempumelelo ingekuko ukungaphumeleli . Ngamanye amazwi umntu uzalwa enethemba nemibono emihle ngempilo yakhe engalindelanga kuphoxeka empilweni.

Nanjengomntu osebenza ngabantu nomamela iingxaki zabantu ndiyayazi kakuhle ukuba abantu baphoxekile ebomini kwaye abanye sebenikezele ngempilo zabo baphelelwa lithemba abayiboni into engaphinde ilunge empilweni yabo, mhlawumbi omnye uphoxwe ngumntu obemthembile, omnye ulinyazwe waphoxwa ngumntu azalwa naye, omnye uphoxwe ngumntu ebethi uzongena naye emtshatweni, andithethi ke ngamawaka abantu abalimele emitshatweni, abanye basanyamezele abonwabanga, abanye bakhetha ukuphuma kodwa kunjalo intliziyo zisopha ligazi kunanamhlanje, isilonda saphola kodwa kodwa impawu zokulimala zisabonakala noko .

Inyaniso yeyoba sonke singabantu siyaphoxeka ebomini, kwaye ukuphoxeka akuyongxaki najengoko sonke sidlula apho kodwa into ebalulekileyo kukuba wenzani emveni kokuphoxeka ebomini, ndithetha xa umtshato ungeyiyo le nto ubuyiphupha, ubomi bukugqwethile, ilizwe likujikele, umsebenzi ungasawufumani, abantwana bakho bengeyiyo le nto ubuyithandazela, ndithetha selukhaliswa ngulo msebenzi kudala uwuthandazela, selujikelwe ngabahlobo ukhaliswa ngabantu ebekufanele bayakuthuthuzela. La mazwi enkuthazo aze kuwe wena ubona sekungathi kuphelile ngobomi bakho, mhlawumbi selunengcingane yokuzibulala, selucinga kuphelile ngeshishini lakho, kuphelile ngabantwana bakho, kuphelile ngomzi wakho kodwa namhlanje xa kuqala unyaka ndizothi kuwe akukapheli ngawe uThixo engekatsho. Kumele uyazi uphoxeke namhlanje, ulinyazwe namhlanje, awuphumelelanga namahlanje, uphulukene nomtshato wakho namhlanje, nabantwana bakuphoxe namhlanje kodwa ingomso alikakuphoxi .

Kukhona izinto abantu ekumele baziqaphele, okokuqala ayikho indlela eya empumelelweni kanti ayizodlula ekuphoxekeni nasentlungwini, okwesibini awukaphoxwa xa usaphoxwe zintshaba zakho kuba uphoxwe ngumntu ubulindele akuphoxe, ukuphoxeka kwenyani kuxa uphoxwa ngumntu osondeleyo kuye okanye obucinga uyawuthi xa uphoxiwe ukhalele kuye, nanjengoko zisitsho nezibhalo ezingcwele kwincwadi ka- Zekhariya zisithi “ngawantoni na la manxeba asemzimbeni wakho, aphendule omnye athi, ndiwafumene kwizindlu zabahlobo bam” inyaniso kukuba alikho inxeba elinzulu ukwedlula inxeba lomntu osondeleyo kuwe, xa kunamhlanje abantu bawuqala lo nyaka besopha phofu bengophiswa zintshaba kodwa besophiswa ngabantu ababesondele kubo, kwaye abanye sebade bathatha isigqibo sokuzibulala kuba bengazi ukuba bukhona ubomi emveni kokuphoxeka.

Xa ubona abantu bephumelele. Kumele uqonde kakuhle uba badlule ezintweni ezibuhlungu, baphoxakele balahlwa ngabantu, bawa kodwa baphinda bavuka ngoba ayikokuwa ingxaki, kodwa kukuthi xa uwile uhlale phantsi ungaphinde uvuke. Kukho izinto ekumele sizifunde ekuphoxakaleni kwethu, okokuqala xa uphoxwa ngabantu uyakhunjuzwa ukuba ukhona umntu ongasoze akuphoxe uThixo wethu, ngoba ngelinye ixesha amehlo ethu sawasusa kudala kuye sawabeka abantwini nasezintweni eziphelelwayo.

Okwesibini xa uphoxakele susa amehlo akho enxebeni olenziwe ngumntu ube- sele ujonge isifundo esiphethwe linxeba ngalinye olifumeneyo, ngoba inxeba ngalinye liphethe isifundo salo , kukhona le nto kufuneka uyifundile yaye xa ungafundanga nto maninzi amathuba okuphinde ubethwe kwayimeko enye ude ube uyafunda kuyo.

Noba ukweyiphi imeko ngalo mzuzu ofunda eli phepha ndifuna ukuthi kuwe bukhona ubomi nasemveni kwale meko ikukhalisayo,bukhona ubomi nasemveni kokungaliphumeleli ibanga leshumi. Nditsho sele ufumene inkcazelo esuka kogqirga ekwenza ungalali, kodwa nakulo meko bukhona ubomi ngapha kwayo.

Xa ufuna ukubona apho uyakhona jonga izinto odlula kuzo. Apha ebomini kukho izinto oyozifunda uhleka kubekhona izinto oyozifunda ukhala inyembezi.

Okubalulekiyo unganikezeli, kaloku kukufutshane apho uyakhona kunalapho usuka khona, ixesha lokuhleka liyeza, wena awudalelwanga kuhlupheka ubomi bakho bonke kodwa zizinto ekumele udlule kuzo ezi, kwaye azisayi kukubulala, thatha amehlo akho uwabuyisele kwizinto ubusele uzincamile, BUKHONA UBOMI EMVENI KOKUPHOXEKA ngoba imeko okuyo ngoku ayisosiphelo sobomi bakho. Ungabisanikezela.