Imemelela umanyano ngokutyumba uDidiza iANC

EMVA kodushe oluphenjelelwe ngamarhe wokuba iANC iceba ukutyumba uThoko Didiza njengomgqatswa kasodolophu kwisixeko saseTshwane, lo mbutho ude waphumela elubala izolo.

Usekela sihlalo weANC uJessie Duarte uxelele oonondaba ukuba uDidiza ngumgqatswa kasodolophu eTshwane kunyulo lorhulumento ekuhlaleni. Oku kulandela ingxabano ethe yavela phakathi kwamasebe alo mbutho kwakunye neenkokeli zalo mbutho kwiphondo laseRhawutini.

Ingxabano idalwe kukungaboni ngasonye phakathi kwabalandeli bakasodolophu kwesi sixeko uKgosientso Ramakgopa okwangusihlalo weANC kuMantla eRhawuti kwakunye nosekela sihlalo kwakulo mmandla uMapiti Matsena.

Ukutyunjwa kukaDidiza kuthathwa njengenyathelo elizakumanya le mihlambi yalanayo ukuze idontse kunye ukunceda ukhongolose agcine ulawulo kwikomkhulu lesizwe iPitoli. Noxa kunjalo umhlalutyi wezopolitiko uZamikhaya Maseti uthi, lo ayizukuba ngumsebenzi olula

“Ujongene nomnqantsa kuba nangona eyinxalenye yesigqeba esilawula iANC akatyunjwanga ngokwenkqubo yombutho apho ingamasebe onyula iinkokeli zikaMasipala,” utshilo okaMaseti.

Ikwathe eli nyathelo lizakukhulisa ifuthe lamaqela aphikisayo eTshwane. “Amaqela aphikisayo ayabona ukuba akukho lumanyano phakathi kwamalungu ombutho, kwaye namalungu angonelisekanga leli nyathelo akazukuvota, amanye azakuvotela amaqela aphikisayo,” utshilo uMaseti.

Ngecawe kusweleke ilungu leANC kuqhankqalazo elivele emva kwemibiko ethi uDidiza uzakuba ngumgqatswa kasodolophu. UDuarte uthe, “Siyalikhalimela olu dushe, sicela onke amalungu ombutho ukuba amanyane, agcine uxolo.”

UDidiza lilungu lePalamente, ekwangomnye woosihlalo bendlu yowiso mthetho yeli, nojongene nemiba yangaphakathi.