Imfazwe ngemini yootata

YAZI ukuba kwakukade kunjani na ngaphambili? Ndisuke ndaziva ndinqwenela ukubuyela emva ndikhe ndijonge le mpi sikuyo uba abangaphambili kuthi bayoyisa njani. Xa ndiziva ndixakwe kukwenza kwethu kweli xesha, kuyandinceda ukubuyela emva ndibone uba akukho nto enokusinceda eyabancedayo abokuqala. Ezinye izinto zidla ngokusukela entweni, ezinye zivele nje zibentsha.

Ngendlela isininzi samanina esithetha ngayo xa kuvuyiswana nootata ngale mini yabo ibekelwe bucala minyaka le, kuyacaca uba amanina anobukrakra obuthile ngakwabesilisa. Bendimamele kumaqonga ohlukeneyo kule Cawe sisuka kuyo, umoya ubungemhlanga ncam. Isihlangu ke sitya umniniso. Eyona nto inzima ngathi bantu kukwamkelana sinjengoba sinjalo. Ndicinga ukuthi isegazini into yokufuna ukulungisa abantu indlela abaziva ngayo.

Xa ungamvumeli mntu uba athethe ngendlela ava ngayo uthi ngamanye amazwi makaxoke, makathethe le nto ufuna ayithethe. Njengoba bendimamele amacala amabini, abanye bethetha ngoomama abazikhulisela abantwana bebodwa, ngaphandle kootata, abanye besithi olu suku lolo tata oomama mabathule.

Umntu uthuliswa njani na bethuna evakalisa iimvakalelo zakhe? Mna mntu ukhe wabuphila bobubini obu bomi bobukrakra ngemeko katata womntwana, nokuba ngumama ongasekho krakra, kuyandivuyisa ukuva ukuba kusekho abantu abakula ndawo ndandikuyo kwiminyaka edlulileyo. Kum lo nto ithetha ukuba; sisenomsebenzi wokulungisa abazali bade babekwisimo esisiso hayi ukubavala umlomo. Kutheni le nto kufuneka abantu bathethe into eyamkelekileyo kwabanye babe bona phofu bengeva kamandi?

Nindive kakuhle, andikhuthazi bantu uba mabathethe kakubi ngoo-tata abafe bethwele umnqwazi, qha ndithi umntu makanikwe ithuba lokuba abenguye sizotsho sazi uba thina kufuneka senze njani ukunceda lo mntu ungevi kamandi. Sesineengxaki ezingaka nje emakhayeni ethu yile nto yoba umntu eqheliswa ukufela embelekweni, umntu akhale ekhusini. Ubugwenxa bubugwenxa noba buza nesiphi na isini. Ingxaki apha ayisosini kodwa ingxaki ngumntu. Ngumntu lo kufuneka elungile, kwaye umntu uzakulunga xa simamkela abenguye, akhuphe iimvakalelo zakhe zinjengoba zinjalo singamlungisanga.

Kuyo yonke ke lo nto endithemba nani nisezakuyishukuxa ukugqiba kwenu ukufunda eli phepha ndiyathemba abantu ababizwa ‘tata’balonwabele usuku lwabo ngeCawe. Nabo ke baye bavukelwe ngumnyele ngale mini, akwaba bangafumana impiliso kwiimeko abaphila nazo.

Abantu bangathetha bophele, oyena mntu usengxakini nguye omele kukuziqonda xa sele elungile. Okubalulekileyo kukuziqonda uba le ndlela uphila ngayo ayikulungelanga wena nabantwana bakho. Ekupheleni kosuku kuzofuneka ufune uncedo ubuyele kula mntu wawunguye phambi kokuba kwenzeke yonke into eyenzeke ebomini bakho.

Ungavumeli iimeko zalo mhlaba zikwenze umntu ongenguye. Besitshilo kwiveki ephelielyo sathi kuyedlulwa kwezi zinto. Singabazali abanabantwana noo- tata babo esingatshatanga nabo sinamadabi ethu, kwinto yonke kufuneka sikhumbule uba abantwana abazikhethelanga ukuzalwa sithi. Bona bodwa kufuneka sibavumele benze into abafuna ukuyenza ngoo- yise babo abangekhoyo.

Ekupheleni kosuku nini bazali abaye bakhetha ‘ukuzonwabisa ningakhuselanga kwavela umntwana, okanye nanitshatile umtshato awasebenza, noba imeko ithini….okubalulekileyo kukuba umntwana akazikhethelanga ukuzalwa nini. Xa nisilwa, ningamfaki, ningamsebenzisi.

Umntwana, nomntwana umele azikhethele uba ufuna ukuthini ngalo mzali ukhethe ukuduka negama lakhe. Abazali mabathathe uxanduva lwemikhethe yabo ebomini. Indlela esithetha kakubi ngayo ngaba bazali abangekhoyo, ithetha lukhulu kwangathi nje nendlela esikhetha ngayo ebomini.

Ngeenkcukacha: 079 284 1757