Imfazwe ngenxa yelizwi likaMadiba

UTYHOLWE njengozunguli ihele umbutho weDA yinkosi yakuMvezo eMthatha uNkosi Zwelivelile Mandla Mandela.

Oku kulandela emva kokuba lo mbutho usebenzise izwi lalowo wayesakuba ngumongameli kweli, uNelson Mandela kwintengiso ekumakhasi onxibelelwano yonyulo.

UZwelivelile uthe, iKomishini ejongene nonyulo mayithathe amanyathelo ekunqandeni le ntengiso.

Uthe, “UMadiba ude wayolala ngaphaya kwesoyi elilungu leANC. Ukuba iDA ifuna ukwenza eyayo imbali mayisebenzise ilizwi likaTony Leon, uHelen Zille kwakunye noMmusi Maimane asele bekhokelele lo mbutho kukhuselo lenzuzo yabamhlophe.”

Ukwathe uMadiba makangoyanzaniswa nokugcatshwa komzabalazo. “Ukusetyenziswa kwelizwi lakhe liphulo lokuzenza ngcono kumbutho okhusele inzuzo yabamhlophe, kwaye ayibobunyani,” utshilo uNkosi Zwelivelile.

IDA iphendule ngelithi yiyo kuphela umbutho osabambelele kwindima eyadlalwa nguMandela ekwakheni eli lizwe.

Isithethi salo mbutho uRefiloe Nt’sekhe uthe, “Amazwi arhwexayo athethwe nguMandla Mandela ehlasela iDA achasene nento awayeme kuyo uNelson Mandela.”

Uthe, uMandela ngowabantu bonke beli, njengoko ingumongameli wokuqala wedemokrasi yeloMzantsi Afrika.

Ukwathe le ntengiso ibonakalisa oyokuvota ekhuthazwa lilizwi likaMandela phambi kokuba athathe isigqibo ngombutho emakawuvotele.

UNts’khe uthe, “UMandla wamkelekile, angafaka isikhalazo kwiIEC ukuba ucinga ngenye indlela kwinto esiyibona njengenyaniso.”

Ukwathe intetho kaNkosi Zwelivelille ibonakalisa ukuba iANC yatshintsha, ayisenguwo la mbutho wawakhiwe nguMadiba ngenjongo yokumanya abemi beli.

Le ntengiso bekulindeleke ukuba iqale ukudlala koomabonakude izolo.