Imfazwe yanamhlanje sakuyiphumelela ngomanyano

Yazi xa uphuma kwintsokolo okanye kwintlungu engathethekiyo kufuneka uzame ngandlela zonke ukuba uwubekele bucala umsindo wakho.

Ewe, intswela-ngqesho, ubuhlwempu kunye nokungalingani kusezingxaki ezingqonge abantu abantsundu isikakhulu kweli loMzantsi Afrika.

Impendulo yazo zonke ezi zinto ayikokuzoxuthela okanye ukulwa abo babesaya kuba ngabacinezeli.

Kufuneka isizwe esiphuma kwinkungu yembali efana neyethu ithathe ixesha icwangcise iindlela ezinokuthi zisise kwinkululeko yezoqoqosho.

Umzekelo xa kusithiwa imfundo ibalulekile ukuba umntu ufuna ukuphuma kumgxuma wobuhlwempu kufuneka sizibuze ukuba le mfundo ifumaneka phi?

Sifundela ukuba ziintoni? Ingaba izidanga zisenexabiso na kwezi ntsuku? Zintoni na ezinye esinokuzifundela ezinokuthi zisincede kumcimbi wokudala imisebenzi nokuqeshwa?

Iimpendulo zale mibuzo zisembalwa ngoba wonke umntu ujonge kwiiyunivesithi kuphela. Ukuba awufundanga eyunivesithi awufundanga. Kukuziqhatha ke oku. Ngokusiya kuxhaphaka inani labantu

abanezidanga kusiya kubanzima mpela ukuba bafumane imisebenzi bonke. Baninzi abantwana abathi banezidanga kodwa abayifumani imisebenzi. Uzibuze ukuba njengokuba kumiswe imfundo ephakamileyo kusilwelwa imfazwe

esimahla ingaba bayayazi ukuba imfundo yakwiyunivesithi ayisenaxabiso lingako?

Eyona nto inexabiso kwezi ntsuku kukuba nezakhono ezibambekayo. Kuphinde kufuneke nomanyano labo bazama ukukhula kwezoqoqosho. Apho bekumele ukuba siya khona kusekusekeni izikolo zabucala neekholeji ezinokuqinisa izakhono zethu kwezoqoqosho.

Kufuneka oosomashishini nabantu abazakudala imisebenzi. Kule veki iphelileyo sibone iinkqubo zooMasakhe Sonke eMonti kunye neze-Ikamva Investment Holdings eKapa. Zombini ezi nkqubo zisekelezwe ekuqiniseni umanyano nezakhono zoosomashishini abantsundu.

Esi sisiqalo, kufuneka nezinye iinkqubo zomanyano, siqale ukuncedisana. Kucacile ukuba urhulumente eyedwa uyohlulakala.

Akukho mntu ozakulungisa iingxaki zethu ngaphandle kwethu.