Imfazwe yaseDraaibosch isaqhuba

Kuphi apho?

Kutheni singazi nto ngaloo mfazwe?

Kwibali lethu elinkqenkqeza phambili namhlanje uyakufumanisa ukuba uninzi lwabahlali baseDraaibosch, kufuphi neQumrha, abanalo nofifi lwale mfazwe yaseDraaibosch. Xa ubuza ukuba koka-1877 kweyoMnga kwenzeka ntoni pha, abazi. Yaqala ngoko le mfazwe. Usuke uve amahumhum okuba amaXhosa abulala ibhulu elithile ngoko, iphelele apho. Kanti yonke le mbali ikhona kwithala leencwadi laseQumrha.

Ingxaki ngokungayazi imbali yendawo ohlala kuyo yeyokuba xa kuphinde kusehla isiganeko esakhe sehla ngamphambili awunalo ulwazi lokuba sakhe sehla. Ngoko ke awukwazi ukuba nawo amava okuqubula eso sehlo xa sibuyile. Sakusuke sibengathi yinto entsha. Kanti kufuneka siyazile imbali yethu ukuze sicacelwe zizinto ezisingqongileyo.

Masenze umzekelo kwangeDraaibosch kwakhona; abantu bakuthi bahlala pha kodwa bazibona benegcuntswana lomhlaba wokulima nowemfuyo. Mncinci umhlaba wabo. Kubi, kangangokuba abasafuni bantu abazakuza neemfuyo yabo kule lali; umhlaba awukho. Kodwa ebumelwaneni babo kukho iifama zamaBhulu ezinkulu ukufa; abakwazi nokucuntsulelwa nomhlaba kwezi fama.

Xa ungena nzulu kwimbali, uye ufumanise ukuba ezi fama zamaBhulu zikumhlaba wabantu abantsundu. Idibene neza mfazwe zemida, nemfazwe yaseDraaibosch yonke le nto. Maxa wambi zazisoxuthwa maxa wambi kuqhathwa umnikazi womhlaba ngeenkomo; ahambe. Ukuba awuyazi lo nto kubanzima ukuya kuRhulumente usithi unebango lomhlaba.

Ngaphez’ koko iye ibelusizi imeko xa ufumanisa ukuba kwa aba bantu bangqongwe ziifama zamabhulu bayangcungcuthekiswa ngala bhulu. Mihla nezolo bathathelwa iibhokwe zabo, kudutyulwa iinkomo zabo, bamane begrogriswa nangemipu ngala mabhulu nto ethetha ukuba imfazwe yaseDraaibosch ayikagqithi.

Kusekho abantu bakuthi abalwa iimfazwe esicinga ukuba zagqitha. Zisekhona. Ngekhe sivumbulule imbali yethu, sizazi ezi zinto, ngoba zisahleli nathi kunanamhlanje.