Imfazwe yeRashiya neUkraine eMpuma Koloni

INKULUBAPHATHISWA yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uxelele iiNkosi namaKhosikazi aKomkhulu ukuba imfazwe yaseRashiya naseUkraine inefuthe kweli leMpuma Koloni.

UMabuyane uthethe oku ngethuba esenza intetho yakhe yokuvulwa ngokusesikweni kweNdlu yeeNkosi eBhisho.

“Le mfazwe yenzeka kude kuthi, kodwa ifuthe layo liyavakala apha ekhaya kwezoqoqosho. La mazwe omabini adlala indima enkulu kwimveliso yolimo, umbane, irhasi namafutha ezithuthi,” kucacisa uMabuyane.

Indlu yeeNkosi eMpuma Koloni kulo nyaka ivulwe yambethwe lilifu elimnyama emva kokungcwatywa kukaNkosi Ngangomhlaba Mathanzima.

“Simemelela uxolo nokusonjululwa kwale ngxaki etafileni phakathi kweRashiya nelizwe laseUkraine,” utsho uMabuyane.

UMabuyane utyhole amazwe aseNtshona ngokuthatha icala kwimfazwe ephakathi kweRashiya neUkraine, utsho esithi oku kubangela ukulibaziseka kwesisombululo kule ngxaki. Imfazwe ephakathi kwala mazwe mabini sele ithathe isithuba seeveki ezimbini iqhubeka, kuqhuma uthuli kusiwa izigede.

Kule ntetho uMabuyane usebenzise eli thuba ekwancoma indima edlalwe nguNkosi Ngangomhlaba Mathanzima kwiphondo leMpuma Koloni, esebenzisa indlu yeeNkosi.

“Sonke siyamazi ukuba ebekhokele kule ndlu ukusuka kunyaka ka2002 ukuya kunyaka ka2017. Abantu abaninzi bacinga ukuba uNkosi Ngangomhlaba ubusebenzele ubukhosi ngoku engusihlalo, akunjalo, ubukhosi yinto ayiphilele kwasebutsheni bakhe,” kutsho uMabuyane.

Le Nkulubaphathiswa ikwancome isigqibo seNdlu yeeNkosi kuZwelonke ngokutyunjwa kukaNkosikazi uNosandi Mhlawuli njengosihlalo weNdlu kuZwelonke.

“Ukonyulwa kwakhe ayisosibonelelo koomama, uyinkokeli yemveli egqibeleleyo nebonakalise isakhono kwizigaba athe wakhokela kuzo eziquka ukukhokela isizwe samaHlubi eNgqushwa, nokukhokela Imbumba Yamakhosikazi Akomkhulu,” kutsho uMabuyane.

Ethetha nezi Nkosi, uMabuyane ukwazixelele ukuba ulimo ngumqolo negolide yePhondo leMpuma Koloni.

“Kwaye yigolide yanaphakade engalwisaniyo nendalo,” kutsho uMabuyane.

Ukwaxelele ezi Nkosi ukuba ukubiwa kwemfuyo ngumngeni ophambili eMpuma Koloni.

USihlalo oBambeleyo kwiNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uNkosi Langa Mavuso ube khokele inkqubo yokuvulwa kwale Ndlu.

Ukuvulwa kweNdlu yeeNkosi kuqhutywe kulandelana nokwenziwa kweNtetho yoHlahlo Lwabiwomali lwePhondo olwenziwe nguMphathiswa wela Sebe uMlungisi Mvoko.

UMabuyane uqhayisele ezi Nkosi ngemisebenzi emininzi eyenziwa ngurhulumente kwiinkalwana zonke zeMpuma Koloni.