Imfundiso ngekhorona mayikhutshwe ngeelwimi zonke

Xa ndisithi kubi emhlabeni, ingathi andiyichazi ngokupheleleyo ingxaki esikuyo.

Ihlabathi lifuthanyiselwe yikhorona; isifo esinwenwa ngesantya esiphezulu okomlilo wedobo.

Izinto ezimbi ngayo zimbini: ayinyangeki kwaye yosulela lula kakhulu.

IKhorona iqhambuke eChina ekupheleni kuka-2019. Ekuqaleni kwenyanga ephelileyo, inwenwele kwamanye amazwe kwaye sele ibulele abantu abangaphaya kweshumi elinesihlanu lamawaka (15 000) emva kokufumana indawo yokuhlala ebantwini abangamakhulu amane amawaka (400 000) kwihlabathi lonke ekuqaleni kwale veki.

Kuthe kwakubonaka okokuba noMzantsi Afrika unechaphaza layo, uMongameli uCyril Ramaphosa nabezempilo, beze neendlela zokunqanda ukukhulu kwenani labantu abosulelweyo bamisele imithetho yokuziphatha.

Abantu abosulelwe yikhorona bebesukela amakhulu amathathu (274) ekuqaleni kwale veki. Ngokuya ibisekude, ibiyinto engakhathalelwanga ngabantu.

Banexhala ngoku ngoba iphila apha phakathi kwethu.

Njengokuba lingekabikho iyeza lokunyanga ikhorona, isixhobo anaso uRhulumente sokubamba ulwamvila layo kukufundisa abantu indlela yokuziphatha emakhaya, kwiindawo zikawonke-wonke nasemisebenzini.

Zonke iingcaphephe zezempilo zitsho ngazwinye ngelithi eyona ndlela yokulwa ikhorona kukuyithintela. Ithintelwa ngokuhlamba izandla ngamanzi anesephu, ngokusebenzi izicheme nezibulali-ntsholongwane. Ezinye zezinto ezibalulekileyo kukogquma umlomo ngetshefu xa ukhohlela nokungasondelelani kwabantu kwiindawo abakuzo.

Ayikho indlela egqibeleleyo yokulwa ikhorona ngoba abantu abathobeli imiyalelo yezempilo. Nangona urhulumente ezama

ukunabisa ulwazi elinokunceda abantu ngethuba lalo bhubhane – kodwa indlela enza ngayo ayinawo ncam amandla. Ukusukela oko kwafika ikhorona, kuthethwa ngesilungu.

Isilungu lulwimi olaziwayo kodwa kufuneka kusetyenziswe nezinye iilwimi ngoba zinawo amandla ebantwini bazo.

Xa beyazi ngokupheleleyo abantu into, ubeva ngokuyithiya igama. Into endizama ukuyithetha kukuba urhulumente uya zisokolisa ngale ndlela ayisebenzisayo.

Yinkohliso le yabantu abakurhulumente yokucinga ukuba indlela yokuthetha nabantu kufuneka ibe sisilungu kuphela.

Umyalezo uzinza lula engqondweni yomntu xa ewunikwa ngolwimi lwakhe. Ngesesinalo igama layo ngoku ikhorona, umzekelo, mna ndithi nguGqib’iziphunga ngesiXhosa.

Nokuba abantu abanalo ulwazi olunzulu ngentsholongwane – kodwa okuqulathwe ligama, kuyakwazi ukubanika umlinganiselo wobuzaza bentsholongwane.

IKhorona iyingozi ebantwini ngaphezulu kwezifo eziqhelekileyo. Ayinyangeki – kodwa eyona embi ngakumbi ngayo kukuba ilimise ngxi uqoqosho lwehlabathi.

Ukuba ingahamba umgama omde, kungakho indlala exakileyo ehlabathini. Logama iinzululwazi zisakhangela iyeza lokuyinyanga; kufuneka urhulumente aqinise isandla sakhe kwicala lokusasaza ulwazi nendlela yokuziphatha kwabantu.

Ngumsebenzi omkhulu lowo ekufuneka awenzile urhulumente ukuze abantu bangabulawa yikhorona. Umgaqosiseko uthi abantu mabanikwe ulwazi ngolwimi lwabo ngurhulumente. Ayikenzeki lo nto apha eMpuma Koloni.

Inzima ngoba sikhokelwe ngabantu abacinga ukuba singahlangulwa sisingesi. Yimpazamo leyo, iilwimi zabantu zezona zinamandla kwaye ulwazi oluya ebantwini ngeelwimi zabo lufika luhlale ezingqondweni zabo.

Andazi kutheni kunzima kurhulumente ukusebenzisana noPenSALB ojongene neelwimi ngoba naye ngokarhulumente. Njengokuba uMzantsi Afrika ubhiyozela amalungelo oluntu kule nyanga, kubalulekile ukuhlonelwa kwawo ngurhulumente ngamaxesha onke.

Emva kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu yenkululeko, andazi kutheni sisalwela ukusetyenziswa kweelwimi zethu singama-Afrika elizweni lethu. Ezidolophini, ezilalini, ezilokishini, ezibhedlele, emidlalweni, ezitalatweni, ezikolweni nakuzo zonke iindawo zikawonke-wonke; abantu basebenzisa iilwimi zabo.

Ingxaki esinayo apha kukuba kwarhulumente kugcwele abantu abanyanzela isilungu ebantwini kuba isilungu senziwa yalulwimi ekusetyenziswa lona.

Apha eMpuma Koloni kukho abantu abathetha isiXhosa, isibhulu nesiSuthu. Bonke abo bantu banelungelo elipheleleyo lokunikwa ulwazi olugcweleyo ngeelwimi zabo.

Impazamo abayenzayo abantu abalwela inkululeko yaseMzantsi Afrika yaba kukulwela ukuzifanisa nabacinezeli endaweni yokulwela ukuphila ubomi babo bengama-Afrika.

Babuya nomkhuba ombi wokucinga ukuba isilungu sikwenza ube krelekrele. Inkokheli yeli phondo, uMnu.

Lubabalo Mabuyane, mayiqinisekise okokuba umyalezo karhulumente ufikelela kubo bonke abantu ngeelwimi ezahlukeneyo. Makayenze lo nto urhulumente ngokusebenzisa amajelo endaba namaphephandaba onke.

Le nto yokuxhomekeka kumkhasi onxibelelwano iyingxaki ngoba kukho kuwo abantu abasasazi ubuxoki kakhulu.

Naluphi ulwimi sisixhobo esibukhali xa sisetyenziswa ngendle efanelekileyo, ngakumbi kumaxesha afana nala weKhorona.