Imfundiso ngokubaluleka kovoto

Uninzi lolutsha kummandla waseMdantsane ngaseMonti luthi luzakuyithatha inxaxheba ekuvoteni ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo xa izakube ilulonyulo loorhulumente basemakhaya.

Lukutsho oku ngethuba iqumrhu elijongene nolonyulo i-IEC, umasipala ombaxa iBuffalo City kwakunye neNdlu yoWiso-Mthetho apha ephondweni leMpuma Koloni bezibambe indibano ziyokukhumbuza uluntu ngovoto kwanokubafundisa ngendlela ekuvotwa ngayo.

Ojongene namaphulo angaphandle kwezonxibelelwano kwa-IEC uPamela Sanqela uthi babone kubalulekile ukuba balukhumbuze uluntu, kwaye injongo ikwakukubafundisa nangohlobo umntu athi avote ngalo.

“Sizokufundisa ulunntu kuba siqaphela ukuba sifumana iivoti ezingabhalwanga kakuhle, into ebonisa ukuba uluntu alukwazi ukuvota aluyazi ukuba lumfake ndawoni * -X kuba siyazi umntu ubayedwa xa evotayo. Enye yezinto kwehla nenani leevoti sicinga ukuba abanye uye angazazi nokuba ufanele athini xa engaphakathi,” kutsho uSanqela.

“Okunye kukukhumbuza uluntu ukuba lowo ebebhalisile siyamkhuthaza ukuba ayokuvota ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo, nalowo ebenze ubhaliso olukhethekileyo labucala sizokubethelela ukuba aze abekhona ngolo suku lovoto endwlini yakhe,” utshilo uSanqela.