Imfundiso ngolonyulo eluntwini

Ipalamente yephondo leMpuma Koloni ibambisene neKomishini yezolonyulo ezimeleyo ziqhuba utyelelo koomasipala abohlukeneyo kweli phondo bekhuthaza abantu ukuba baphume ngobuninzi babo ngomhla wesithathu kwinyanga ka-Agasti bayokuvotela amaqela abawathandayo.

Eli phulo liqale eMthatha ngoLwesihlanu, ukanti izolo beliseNtlaza phantsi komasipala waseNyandeni kunye naseFlagstaff.

UNtombovuyo Nkopane ongusekela sihlalo woosihlalo kwipalamente yephondo uthi bakhuthaza abantu ukuba baphume ngobuninzi bayokuvota, kulandela ukwehla kwamanani kuvoto elidlileyo.

“Kweli phulo sifundisa abantu ngokubaluleka kovoto nendima yalo kwiimpilo zethu. Asithi makuvotelwe owuphi umbutho kodwa abantu mabayovotela amaqela abo,” utsho uNkopane.

Usomlomo webhunga lomasipala waseKSD uDumani Zozo uthi, eli phulo lepalamente yephondo lizakudlala indima enkulu ekukhuthazeni abantu ngokubalulela kokuvota.

UZozo uthe: “Xa abantu bevotile, lo nto inceda ukuba singurhulumente sikwazi ukucwangcisa ngokwenani labantu esinalo kuloo ndawo. Akubalukekanga ukuba uthanda eliphi iqela kodwa kubaluleke intatho-nxaxheba kuvoto.”

UThumeka Magingxa ongomnye wabantu abebezimase eli phulo eMthatha uthi ufunde lukhulu ngokubaluleka kovoto nemigaqo elandelwayo.

Uthi ufumene iimfundiso ngevoti ezikhethekileyo. Kusalindeleke ukuba eli phulo lijikeleze kwiphondo lilonke kwezi ntsuku zilandelayo.

isibhalo@inl.co.za