ABAFUNDI abaphumelele ibanga leshumi abanenjongo yokugqiba imfundo ephakamileyo baqale umsebenzi ngokukhawuleza, kufuneka baguqule indlela abayibona ngayo impumelelo ngokuthi banxibe i-ovarolo endaweni yeesuti.
Imizi-mveliso yengqesho kweli icebisa ngelithi phambi kokuba ugqibe ngento ozakuyifundela, khangela kwicandelo elicebisa ngezakhono ezingundoqo kweli. Kulapho bayakufumana khona ulwazi ngezakhono eziyakuthi zibenze ukuba bangabi yinxalenye ye-25 weepesente wabo baswele ingqesho.
“Abafundi abaphumelele ibanga leshumi kufuneka bakhangele izakhono ezifana nobunjineli, ubuchule bokusebenzisa oomatshini bokwakha izinto ezahlukeneyo, ukuwelda, ukulungisa imatshini wepetrol okanye owediesel, ukuplamba, ukufakela umbane nezinye,” utshilo * -Angela Dick, oyingqonyela yenkampani ezingelela abantu izithuba zengqesho.
Uthe zilishumi elinesibhozo izakhono ezidingekayo kumashumi amathathu ananye amacandelo ezakhono. Ukwathe bubuvuvu into ethi imisebenzi yase ofisini ihlawula imali eninzi kunezakhono ezidinga ukuba umntu asebenzise izandla.
“Abantu abanenzi zakhono bakuluhlu lwabahloniphekileyo kwaye bamkela imali entle, nokuba bangabasebenzi okanye abaqeshi,” ucacise watsho oka Dick. Isebe lemfundo ephakamileyo belidize ukuba angaphaya ko 500 000 amathuba ezemfundo kweli, kwabo baphumelele ibanga leshumi.
Umphathiswa weli sebe uGqirha Blade Nzimane uthe “Ngo2016 iiyunivesithi zeli zizakwamkela abafundi abayi 212 472 kulo nyaka, nabazokwenza izifundo ezifana nolawulo lwamashishini, inzululwazi, ubunjineli, ezolimo, ubuxhakaxhaka bale mihla, ezentlalo, ubugcisa nezemfuno.”
UNzimande ukwathe ezinye zazakhono abafundi abazakuchitha iminyaka emithathu ukuya kwemine aziyomfuno kweli lizwe. Uthe abo bazakuba yinxalenye yabo banezidanga kodwa dwee ukuzuza ingqesho, ngelixa abanye bephela besenza imisebenzi nje nangona benezidanga kwakunye neediploma.
Ukanti urhulumente weli ufuna malunga ne30 000 yezakhono zomsebenzi wezandla ngonyaka ka2030. Kungoko urhulumente eyithathele kuye into yokuphuhlisa izakhono zezandla phantsi kwamaziko emfundo iiTVET College.
UNzimande uthe besembalwa kakhulu abantu abanezakhono, abafumene uqeqesho novavanyo ekwenzeni oku bebekuqeqeshelwa. “Kubalulekile ukuqaphela ukuba ukuze uzuze olu qeqesho kufanele ukuba uphumelele izibalo kwakunye nezifundo zenzululwazi ngo 50 weepesente ngenxa yobuxhakaxhaka bale mihla osele busetyenziswa kwimisebenzi yezandla,” utshilo uNzimande.
Ukwadize nokuba ezi TVET kholeji zizakuqalisa izifundo zokuxhobisa abo bangenzanga kakuhle kwizifundo zezibalo nezenzululwazi. Ukwakhuthaze abo basezikolweni zemfundo esisiseko ukuba bakhethe izibalo nenzululwazi kuluhlu lwezifundo zabo.
UDick uthe, maninzi amathuba kwicandelo lobuxhakaxhaka bale mihla. Ucebise ngelithi abafundi bekunye nabazali mabaqaphele izicwangciso zophuhliso lelizwe ukuze bafumane ulwazi ngezakhono ezibalulekileyo.
“Uphuhliso olusisiseko likwizicwangciso zika- rhulumente ngenjongo yokuhlangabezana neemfuno zoqoqosho leli lizwe. Iinjineli zokwakha, nezo zijongene nezakhiwo zikwabalulekile,” uqhube watsho.
Uninzi lwabafundi luthi alizithatheli ngqalelo izinto ezinjalo. UTebatso Molapo oneshumi elinethoba leminyaka ngumfundi kwisakhono sokuvelisa imiboniso bhanyabhanya nomabonakude.
Uthe uqhutywa yinto ayithandayo, enganikanga ngqwalasela kumathuba engqesho kweli candelo. Uthe uzimisele ukuqala ishishini lakhe asakugqiba ukwenza ezi zifundo.
Ukwathe otshomi bakhe bathi azibaniki mdla izifundo zemisebenzi efana neplamba, ezolimo nokukhenika. “Into abayijonga kakhulu yintlawulo umntu asakugqiba, abanye benza izifundo ezifana nobugqirha, neminye imisebenzi yangaphakathi ngelixa abanye bexhomekeke kwinto abayicetyiswe ngabazali,” utshilo uMolapo.
Ungqinelene nombono ka- Dick othi urhulumente akenzi ngokwaneleyo ekuxhobiseni ulutsha ngezakhono ezidingayo. Uthe kukho imfuneko yokoyanyaniswa kwemfundo kwizakhono ezibalulekileyo, “Kungenjalo siyohlala entluphekweni, abe embalwa amathuba esinawo.”
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo