Imfundo le sinayo ayisisebenzeli

Pha ngonyaka ka-1799 uGqirha uJ.T. Van der Kemp wafika nale nto kuthiwa yimfundo kweli lo Mzantsi Afrika. Kungekudala kwagaleleka nabanye oonyawontle, babona ukuba le nto ingumntu ontsundu kufuneka bayingxale imfundo; imfundo ezakukholisa iimfuno zabo.

Ukufika kwayo le mfundo yaqalwa ngeemfundiso zobuKrestu phambi kokuba igxile ekusifundiseni ukubhala nenkcubeko yamaNgesi.

Abo bakuthi babanenyhweba yokungcamla kule mfundo kuqala ngoko, baqala ukuzibona bebhetele, bajongela phantsi kwa nto yesiNtu. Injalo kaloku impucuko.

Ekuhambeni kwexesha kwafumaniseka ukuba umntu ontsundu kufuneka afundiswe nezakhono zokusebenzela oonyawontle; kulapho ke koo1850 safundiswa ukubhala, koo1903 kwaqalwa iindawo ezifana neeTeko Vocational School koomaGcuwa; abantu bafundiswa ukwakha, ukuchwela nezolimo.

NakuTsolo, pha koo-1904, kwaqalwa iikholeji zolimo. Kwathi gqi neeFort Hare koo-1916. Koo-1949, ngexesha lolawulo lwamaBhulu kwathi qethe neeBantu Education. NgelooVerwoerd iinjongo zeBantu Education yayikukuqinisekisa ukuba umntu ontsundu uyaphuma kwimbandezelo yeemfundiso zamaNgesi (zobuKrestu nokufundela ukusebenzela omnye umntu).

Ngelabo iBantu Education yayizakufundisa umntu ontsundu ukuzisebenzela nokuzilungiselela apho ahlala khona. Singayilanda de kuhlwe le mbali yemfundo yomntu ontsundu kodwa apho siya khona kusekuben’ba le nto sithi yimfundo zange yayeyethu.

Sibhala nje abafundi baseWSU naseTUT bayaqhankqalaza. Nezinye iiyunivesithi zizakulandela. Ingxaki iphi? Ingxaki isekuben’ba asikahlali phantsi sicwangcise kakuhle ukuba sifuna imfundo isenzele ntoni singabantsundu.

Umzekelo iWSU, eyayikade iyiyiUnitra, yaqalwa koka-1976 ngeenjongo zokuba itshotshe entla kwezolimo, ezempilo nokuqeqesha ‘abantu’ izakhono ezinokumsebenzela msinya.

Ayikenzeki lo nto. Masingothuki xa abantwana bekwazi ukuphuma kwezi yunivesithi bengakwazi ukuzisebenzela, bafuna ingqesho qha. Asikabenzeli imfundo ezakubasebenzela.

Ingathi ngesihlala phantsi, siziqalele imfundo entsha. Eyeyethu.