Akungoku bengayithandi imfundo yasesikolweni abantu abantsundu, ususela kwakwiminyaka yokufika kwamamishinari kweli lizwe.
AmaXhosa akungquzulana nabamhlophe, nokuba kungantoni na, ayenganyali ukusuka atshise izikolo kwakunye nento yonke ebhaliweyo, atshabalalise nemizi yokushicilela. Unangoku ke basenjalo abantsundu.
Kunyaka ophelileyo, ukuba kusenjalo nakulo unyaka, abafundi kumaziko-mfundo enomsila bangquzulene neziphatha-mandla malunga nokunyuswa kwemali yokufunda.
Eyona nto imandla kuloo misadulo yabo yaba kukutshiswa nokonakaliswa kwempahla yamaziko-mfundo enomsila, nto leyo eyawashiya ekwimeko embi nangaphezu kwaleyo ibibangele ukuba afune ukunyusa imali yokufunda. Andazi kukuthini ukufuna imfundo yamahala ngotshabalalisa izinto zokufunda ezikhoyo!
Kwiinyanga ezintathu nezine ezidlulileyo, abantu baseVuwani bangquzulene neziphatha-mandla malunga nohlengahlengiso kucando-mida yoomasipala.
Into oluyenzileyo uluntu lwaseVuwani ukubonakalisa ingqumbo yalo ibe kukutshisa izikolo nokukhupha abantwana ezikolweni iinyanga zintathu zonke, belinganisa into eyake yenziwa luluntu lwaseMntla Kolini kunyaka ongaphaya neyaka yenziwa ngaMaMpondomise akowethu eminyakeni emininzi eyadlulayo.
Amaziko-mfundo enomsila kutshanje aqalise uthethwano norhulumente, namanye amaqela achaphazelekayo, malunga nonyuso-mali yokufunda.
Usashukuxwa unjalo loo mcimbi, abafundi sele bengxange ngamatayala avuthayo bathi baza kuwavala nya amaziko-mfundo enomsila. Kambe ke abanye sele beqalisile ngemisadulo yabo kwamanye amaziko-mfundo.
Oku kubenza babonakale okwabantu abangathi bathi “anide nigqibe ukuthetha, thina singxamele ukonakalisa”.
Zininzi ke iziganeko endingazibalulayo ngemikhuba yokuchunuka imfundo kwabantu abantsundu. Okona kucace okomva webhokhwe kukuba kusekho abantsundu abangalaziyo ixabiso lemfundo.
Nangona kukho abafuna imfundo yamahala kodwa kukho abangaliseso ixabiso lale nto bathi bayifuna mahala, izimbo zabo zikhombisa njalo. Xa bengayifuni abantu into, lowo ubanunusa ngayo ufumaneka ebulaleka.
Umbandela wokufikeleleka kwemfundo kumntu wonke ngumcimbi obaluleke kakhulu. Akukho mntwana weli lizwe nokweli lizwe umele kungafundi kuba kusithiwa udinga imali.
Oku kudinga ukumiselwa ngenkqubo eya kujoliswa ekuchongeni ngempumelelo abantu abanjalo kuba asinguye wonke umntu omele kufumana imfundo yamahala.
Abanako ukuyihlawulela kumele kuqinisekiswa ukuba bayahlawula kuba ke izinto zayo ziyahlawulelwa, enokuba zihlawulwa ngurhulumente na. Inkqubo enjalo ayinofumaneka ke kukho abahlelele ukukhwezelela imfundo izikhuni zesihogo.
Sazitshisa izikolo ngemihla yokuqhankqalazela inkululeko kuba sasingafuni kwahlobo olo lwemfundo esasinunuswa ngayo.
Ngoku imfundo yeyethu kwaye iyileyo sasiyilwela, enokuba asikabiyiyo na kodwa naleyo ikhoyo imiliselwe sithi. Ukujika siyibukule ke kukumzala ujike umdle.
Akuyonyani ukuthi ukubhenela ezitalatweni sesona sixhobo soloyiso ekuqinelweni ziindlebe kukarhulumente namaqumrhu achaphazelekayo.
Okona kuthethwa kukubhenela ezitalatweni kukuba woyisakale kwisithebe seengxoxo ukumthimba ingqondo lowo uxoxa naye ukuba umoyisele ekukugwebeleni.
Ngeliphandle woyisiwe kwisithebe sengqiqo nobungqondi ngoku ubhenela kwesobuhiba sona sikuzondela nokusiphipha. Bubuhiba ukutshabalalisa izixhobo zemfundo esinazo.
Abafundi ke bathembise ngokuyivala gingci imfundo enomsila, beyivala kwakubo ke phofu apho baqokole khona.
Mna ndithi ngebehlangatyezwa avalwe kwangoku la maziko-mfundo bengekawatshisi, abiyelwe agadwe ubusuku nemini. Kuya kuthi mhla basibona isidingo sokuvulwa kwawo afumaneke esenjengoko ayevaliwe.
Iingxoxo malunga nemfundo yasimahla kwabafanelekileyo maziqhube. Kambe ke, asinguye wonke umntu ekufanele abe nemfundo enomsila.
Bambi bafanelwe luqeqesho lumbi ukuzinzisa uqoqosho. Ingangathi ndiyaphoxisa xa ndisithi uninzi lweenkokeli zale misadulo indawo yazo isepalemente, hayi kumagumbi emfundo enomsila.
Ziingqondi kuphela ezayamkelayo ingqobhoko; usenjalo nanamhla oku umcimbi wemfundo nabantsundu. Goba msenge iibhokhwe zikudle!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV