Imfundo namava Sodolophu!

UMONGAMELI weANC, uCyril Ramaphosa, uthi iziphumo zonyulo loomasipala zibafundise ukuba kufuneka bebhinqe omfutshane kuba abantu bakholelwa ukuba iANC “ebhetyebhetye nezintsalu” ayinakusombulula iingxaki zabo.

Kwiziphumo zeANC kwilizwe liphela, lo mbutho ufumene umyinge we-45.6%, into engazange yenzeka kwimbali yalo mbutho.

UMongameli weANC uCyril Ramaphosa uthi basifundile isifundo kolu lonyulo UMFANEKISO: Ayanda Ndamane African News Agency ANA

Inkxaso yeANC yehlile kumaphondo onke apho lo mbutho ekwazile ukufumana isininzi koomasipala abambaxa (metros) ababini (Buffalo City neMangaung), kwabo basibhozo.

“Njengokuba kukho imiba eliqela ekhokelele kwezi ziphumo, singabokuqala ukuba elona galelo liphala phambili bubume beANC kwanendlela esiqhuba ngayo kurhulumente.

“Imeko yobugxwayiba koomasipala abaliqela yeyona nto ebangele ukwehla kwenkxaso yeANC, nto leyo ethe yenziwa nangakumbi yintswelongqesho nendlala kwakunye neenkxalabo ezimandla mayelana nolwaphulomthetho kwanokhuseleko,” utshilo uRamaphosa.

Olu lonyulo luthumele umyalezo ocace gca kwiANC, kutsho uRamaphosa. “Abantu bakholelwa ukuba iANC ebhetyebhetye nezintsalu ayinakukwazi ukusombulula iingxaki neenkxalabo zabo.”

UMongameli weANC uCyril Ramaphosa kwakunye noSihlalo weANC uGwede Mantashe UMFANEKISO: Ayanda Ndamane/ African News Agency ANA

URamaphosa uthi le veki ibekelwe ukuba kuhlolwe ukulungela umsebenzi kooSodolophu nooSomlomo ekulindeleke ukuba baqale umsebenzi kwiveki ezayo.

Ukwenza lo msebenzi, iANC iza kuqhuba udliwanondlebe nabagqatswa bezikhundla ezifana nesikaSodolophu, Sekela Sodolophu, Somlomo, Mbhexeshi kwakunye nooceba beekomiti zolawulo lwebhunga.

“Abakwisigqeba sokwenza udliwanondlebe baza kuqwalasela amava nemfundo yabagqatswa. Phakathi kwezinye izinto kufuneka (abagqatswa) babenolwazi ngezinto ezingundoqo kwimontlalo noqoqosho loorhulumente basemakhaya,” utshilo uRamaphosa.

“Kufuneka babenolwazi malunga nohlahlo lwabiwomali kwanolawulo lwezimali kuquka nemiba yezemithetho kurhulumente wasemakhaya,” utshilo uRamaphosa.

Abagqatswa kufuneka babe ziinkokheli ezivunyiweyo luluntu, babe nentembeko, bangabi nambali yolwaphulomthetho, futhi bangabi namatyala aqhubayo obuqhophololo.

Izolo (Lwesithathu) ibinguwashiywa nowashiywa kwiOfisi yeANC yaseDr WB Rubusana eMonti emva kokuba isigqeba solawulo lwengingqi siqaphele ukuba abagqatswa bafake kuphela iiCV, bazishiya ngasemva iimpepha zeziqinisekiso zokufunda, kuquka nezo zemfundo enomsila.

Abagqatswa bale ngingqi bebenikwe de ibe yintsimbi yeshumi kusasa izolo ukuze beze neziqinisekiso zabo zemfundo ukuze kuqale inkqubo yodliwanondlebe.

Kule ngingqi, iANC Youth League ithi ifuna uPrincess Faku abe nguSodolophu omtsha waseBuffalo City ze asekelwe nguYomelela Tyali.

“Sikholelwa ukuba ingangoyena ongcono onokukhokela lo masipala [ukuze] kudaleke intaphane yamathuba emisebenzi, abantu abatsha bangeniswe kuqoqosho lwabadidi oluphezulu, kukhule amashishini woomama nolutsha ze kurhwebesheke izakhono zobunjineli nobuchwepheshe eziyimfuneko zokuqhuba inkqubo esemgangathweni yokusiwa kweenkonzo,” kutsho uGcobisa Magalela, osisithethi sekomiti yeANCYL eDr WB Rubusana.