Imfundo sisixhobo sokulwa indlala

Liqaqambile ikamva laseMzantsi Afrika xa sinemfundo.

Lawo ibingamazwi kasekela sodolophu uBicks Ndoni womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay ethetha nabafundi ebebethwala izidinga zabo kwiholo iOpera House eBhayi, abafunde phantsi kwemfundo yabantu abadala iAdult Education and Training i-AET ngamafuphi.

Aba bafundi bafunde kwisikolo sabantu abadala iAdult Education and Training phantsi kwalo masipala. Bangapha kwewaka abafundi abasele bebedala abathweswe izidanga zabo. Kulo msitho mkhulu kangaka, iintsapho nabantwana bazo ziphume ngobuninzi zithontelene kwiholo enkulu iOpera ukuzokubona aba bafundi bethwaliswa izidanga zabo.

Bangamawaka amabini anamashumi amahlanu abantu abadala abazuze imfundo nobuchwepheshe befumana inxaso kwinkqubo eyaziwa ngokuba yiLocal Government Sector Education and Training Authority (LGSETA). ULinda Budaza nongumphathi kwiphondo lasempuma koloni kwiLGSETA ugqithise umyalezo wokuxhasa abafundi abo bebewongwa.

Uthethe ngakumbi engxininisa into yokuba, kukuqala kobomi oku, kwaye kuluxanduva lomfundi ngamnye ukuba abenekamva eliqaqambileyo. Ethetha ngokuzithemba esithi, abafundi abo basebenze ngokuzimisela ukuze bazuze oko bakufumeneyo ekugqibeleni, esithi ekunyamezeleni ukho umvuzo.

Kulo msitho kumnandiswe nangomculo, omnye wabaculi obezimase lo msitho nguS.Mha kwakunye no-Billy Paulson, umculo wabo ubungenkuthazo yemfundo, beqhwaba izandla besithi ngenene abafundi basebenze ngokuzimisela ukuze baphumelele eli banga.

UBicks Ndoni ongusekela sodolophu kulo masipala umbaxa i-NMM ubakhuthaze ngakumbi esithi indlela eya empumelelweni ihamba apha, akuzi lula kuba okuze lula kuyatshabalala, okuze nzima kuyahlala.

“Namhlanje silapha, kungomsebenzi wenu, nisebenzile kakhulu, ubomi bunjalo bufuna abantu abafana nani, abomeleleyo, kuba kaloku imfundo ayigugelwa ngoko ke sithi thina singumasipala ombaxa nisebenzile kwaye siyanibongela. Sininqwenela impumelelo yokuba nifumane imisebenzi kuba kaloku kweli lizwe imfundo sisintshixo sokuvula onke amacango avaliweyo, ngene ngene nisebenzile nithwele izidanga” utshilo uNdoni.

Uqhube wathi, bengumasipala bachulumancile xa kude kwalapha nangona besenengxaki enkulu ejonge umasipala nelizwe lonke laseMzantsi Afrika, ingxaki yentswela ngqesho ingakumbi kubantu abatsha, kodwa wathembisa ngakumbi ukuba bengumasipala basebenza ngokuzinikela ukukhawulelana nale ngxuba kaxaka yongamele ilizwe laseMzantsi.

Abafundi abathwele izidanga zabo bakumyinge wamashumi asibhozo ananye 81%, phakathi kwabo bathwele izidanga umyinge ongamashumi amathandathu ananye 61% aphumelele emangqabini.

Omnye wabafundi othwele isidanga sakhe sokuqala, uAthenkosi Fesi uvakalise uchulumanco lwakhe noncumo kuba kaloku kude kwalapha nje akuhambekanga lula, ebekhona amagingxigingxi ngethuba besafunda, kodwa ubulela ngakumbi umasipala nentsebenziswano yakhe nabo bangabafundi.

Uthe uziva ekhululekile ngoku kuba ude wavuna oko ebekulimile phantsi kwemfundo yabantu abadala iAdult Education and Training (AET) ngamafuphi engayilibali indima endlalwe yinkqubo yemfundo yabantu abadala iSiyaphambili.

UFesi uphefumle wathi, “Ithathe ixesha elide ukuba kwenzeke oku, sithwale izidanga zethu, kodwa lo nto indenza ndonwabe ngakumbi kuba namhlanje nam ndifana nabanye abantu abafundileyo, kwaye ndisisifundiswa kuba ndinekhephekhephe lam elitshoyo ukuba ngenene ngenene kude kwafika oko bendikulindele nakuba kungahambanga lula, kungoku nje ndinethemba lokuba noba kunjani na, umsebenzi ndizakuwufumana nokuba sekumnyama entla kuba le nto ndinayo iyakuba ngumkhomba ndlela kum nakubomi bam nakwi- kamva lam.”