Imfundo yabantwana begazi kumaMpondo

Oku kukwenza amavandakanya ngendlela yofunda kwabantwana begazi emaMpondweni. Imfundo kwesi sizwe yafika nabefundisi baseWisile ababezokuguqula amaMpondo ebumnyameni bewasusa kwiinkolelo zokukholelwa ebugqwirheni nokuthakathisana.

UWalter Daniel Cingo: UWalter Daniel Cingo ngomnye wabegazi kuba uCingo ngumninawe kaFaku.

Naye njengoNkosi Poto walunyulelwa kwaMfundisi Hagile (Rev Hargreaves), eseMfundisweni wafundiswa ngumfundisi lowo wade waba ngumfundisintsapho; wade wabamba njengoNobhala kaNkosi Marhelane.

Emva koko waya kuba yititshala enkulu eMfundisweni. Ngomnye unyaka wakhe wade waxhawulana ngesandla noGeneral Hertzog.

Emfundisweni ngowe1925, wabuye waxhawulana ngesandla noMnu. Vos eKapa. Wayengumfundi omkhulu wamaphephandaba. Waba ngumbhali wezi ncwadi: ‘Ibali lamaMpondo’, nale ithi, ‘Ibali labaThembu’. Wade wacelwa ngumhleli wephephandaba, “Iindaba zovuyo” uMfu. Edmunds, waza wabhala la mhlathi ubalulekileyo kwelo phepha, ‘Iindaba zombuso’.

Apho kulo mhlathi uCingo wayebhala iindaba ezimnandi kunene ezazithandwa ngabo bonke abafundi. Ngomnye unyaka wonyulelwa ukuya kula ntlanganiso, iNkomfa kaRhulumente yabaNtsundu naba Mhlophe, ePitoli.

UMnu. Cingo ngumthandi wemfundo, ubonakalise izenzo zamehlo ngokufundisa abantwana bakhe. Nanko unyana wakhe eKroonstad uReginald Cingo waba ngumbhaleli we “Imvo ZabaNtsundu” ngegama elingu “Telegraph”.

Amanqaku akhe ayedleka kakhulu ethandwa nguye wonke umntu ofunda elo phephandaba. UWalter Cingo waba lilungu leBhunga elikhulu lamaMpondo, lada ladibana ngowe1930 elamaMpondo nabaThembu ukuze libizwe ngeli gama, “IBhunga lamazwana aPhesheya kweNciba”.

Waba yindangandanga apho ebebaleka kunye neento zooSakwe, nezooQamata, nabanye. Ngakwicala lemfundo wafunda wagqiba eClarkebury` eNgcobo kwelabaThembu.

Ngenxa yengqondo yakhe wade wathiwa gidli ngembeko liSebe LeMfundo ngeN.P.H ngalo mihla besembalwa abantu abayiphumeleleyo. Iphephandaba lesiXhosa laseMthatha, ‘Umthunywa’ lathetha lenjenje ngoWalter D. Cingo: “UMnu Walter Cingo usishiye ngo1933, loo mini yaba lilifu elimnyama kwelamaMpondo, nakuwo wonke umzi oNtsundu jikelele.

UWalter Cingo andingeze ndibe ndiyaphosisa xa ndithi ube yiPrincipal yokuqala kwabaNtsundu kwiPractising School esimnareni, esi sihlalo fudula isesabaMhlophe kuphela; ibingekho nento yokuba kubekho ititshala eNtsundu efundisa eTraining School.

Kuthe ngexesha lokudityaniswa kwamaBhunga aphesheya kweNciba edityaniswa nawamaMpondo, kusenziwa iUnited Territories General Council, umfi Walter Cingo wonyulwa abe kwiKomiti yokuqulunqa imigaqo yeli bhunga litsha kuba amaMpondo abefudula eziqhubela wodwa.

Ube kuloo Komiti eyathunyelwa ePitoli neemantyi zaPhesheya kweNciba, ibali lithi ngaphandle kwakhe imicimbi eyayilapho yaphantse yanzima.

Uthe yena eyititshala wafumana ilungelo lokuba lilungu leBhunga. Isixoxi, iciko, ichule lokubeka umcimbi uvakale ebantwini engenzeli udumo lwakhe, nanamhla oku zimbalwa iinkabi ezinokuphala naye kweliya Bhunga laseMthatha.

KwiBhunga elikhulu ube lilungu le-Executive, le nto ye-Executive eBhungeni ukuba andiphazami ivele ngexesha lakhe.” UJustice Dabulamanzi Marhelane Sigcawu: UKumkani Justice Dabulamanzi Marhelane wazalwa nguKumkani Sigcawu wamaMpondo, ungumzukulwana kaMqikela.

Ilanga walibona ngomnyaka we1892. Abefundisi bothunyelo (missionaries) babembiza ngegama lesiNgesi elinguJustice. Imfundo wayifumana eLovedale Institution eDikeni nakwisikolo seenkosi iZonnebloem College, eKapa. Waphumelela ibanga leJC waze emva koko akaqhubela phambili kuba kwakufuneka ayokuthabatha isihlalo sikayise owasweleka ngowe1905 baze ubukhosi basala bubanjwe ngumntakwabo uMhlanga.

Ngethuba lakhe lokulawula udume ngokuba wathi wakha izikolo ezininzi kwilizwe lamaMpondo. NgokobuCawe wayengumWisile.

UNobhala kwinkundla yakhe yayinguE. Tshongwana. UKumkani Justice Dabulamanzi Marhelane wasweleka ngowe1918 ebulawa sisifo sefiva ekwakusithiwa yi ‘influenza’ .

Unyana wakhe uNkosi Mandlonke wafunda eLovedale, eDikeni. UMdlangaso: UNkosi Mdlangaso kaSitata, kaFaku, kaNgqungqushe, kaNyawuza, kaThahla, kaNdayeni, uqikelelwa wazalwa ngowe1845 eSihlonyaneni kwiSiphaqa sikaLanga (Flagstaff).

UMdlangaso wafunda eDikeni (Lovedale) ngokufundiswa nguFaku noMarhwanqana uMfundisi uJenkins waza wathi ukubuya kwakhe wanguNobhala nesithunywa sikaFaku noMqikela.

UMdlangaso wafika eLovedale, eDikeni ngoJulayi ngowe1872 ehamba nabantakwabo, abangaba: uNombitshi, uMgweli Sithatha, noJosiah Jenkins (lo wakhulela kwaMfundisi uJenkins waza wanikwa igama lesiLungu).

Ngethuba lokufika kwakhe eLovedale wayesele efikile kwiminyaka engama30. Imali yokumfundisa enye yayiphuma kowabo enye yayiphuma kuRhulumente. Wahlala iminyaka emibini eLovedale apho wayeyokufunda ukubhala nokuthetha isiNgesi

Wayishiya iLovedale ngoMatshi ngowe1874. Kuthiwa ngethuba wayefunda eLovedale wayexatyisiwe njengomntwana wasebukhosini bamaMpondo kangangokuba wayetyela kwitafile etya abeLungu, kodwa loo nto zange imenze akhule amaphiko adelele abanye abantu abaNtsundu, azibone engumLungu oMnyama.

Watshata intombi egama linguFitoli (Victoria) kaSandile ikumkani yamaRharhabe ngowe1868, eyayikhulele kuTiyo Soga yaze yafunda kwisikolo saseMgwali samantombazana.

Kuthiwa uMdlangaso akazange ayithande indlela abeLungu abangamaNgesi ababenwenwela ngayo bethabatha imihlaba yamaMpondo phantsi koMkomishinari uH.B. Frere ngowe1878. Kuthiwa uMdlangaso wazama ukuyilwa le nto yamaNgesi kodwa wabona ukuba akazukuphumelela ukuwakhupha amaNgesi kwimihlaba yookhokho bakhe waza waya eKapa esiya kusayina isivumelwano soxolo phakathi kwamaNgesi namaMpondo.

Kuthe ngowe1887 ikumkani yamaMpondo yanguSigcawu, waze uSigcawu wafuna ukuphatha engacetyiswa nguMdlangaso. Loo nto yadala imfazwe yobukhaya phakathi kwamaMpondo eyathatha iminyaka emine, de kwafika uCecil John Rhodes esuka eZimbabwe ezokuthabathela emaNgesini umhlaba wamaMpondo ngowe1894.

AmaNgesi enza isheyi ngesizathu sokuhluthwa komhlaba, atyhola uMdlangaso athi nguye, umphembi woqhushululu onyanzelise ukuba ilizwe lamaMpondo libe phantsi kwamaNgesi.

UMdlangaso wagxothwa kwelakubo wasiwa elubhacweni ngabeLungu, uzokuxolelwa ngabeLungu ukuba makabuyele kwelakubo emaMpondweni ngowe1910.

UMdlangaso wasweleka ngowe1918 eswelekela kwindawo yaseSihlonyaneni eFlagstaff, kumaMpondo aseMbo nalapho ingcwaba lakhe likhoyo.