Imfundo yasimahla iyenzeka phesheya

UBo Aronsson waseGothenburg eSweden, ongumcebisi nechule ekwakheni isixeko

UMBA wemfundo esimahla eyunivesithi uxhomekeke ekubeni urhulumente welo lizwe uyithathela ingqalelo engakanani imfundo.

La ngamazwi kaBo Aronsson ongumcebisi ophezulu kumasipala ombaxa wesixeko iGothenburg eSweden. U-Aronsson uthi imfundo yaseyunivesithi kwelaseSweden isimahla kwaye sele kulithuba liqhuba le nkqubo ela lizwe.

“Inkqubo yemfundo yasimahla kwiiyunivesithi zaseSweden sisigqibo esathatyathwa ngabezopolitiko phaya kwiminyaka yoo-1950 kwaye iinjongo yayikukucwangcisela ikamva loqoqosho laseSweden ngokuthi kuxhotyiswe ulutsha ngemfundo.

“Ndiya babulela kakhulu koosopolitiki baseSweden ngokuthabatha esi sigqibo kuba ngaphandle kwaso ngendingazange ndalifumana ithuba lokufunda eyunivesithi nanjengoko ndiphuma kusapho olutsala nzima,” utshilo * -Aronsson ngethuba etyelele eMonti kwiveki ephelileyo.

Abafundi abaselungelweni kule nkqubo yemfundo yasimahla ngabemi baseSweden kuquka nabo baphuma kumazwe angamalungu eManyano yaseYurophu (European Union).

U-Aronsson uthi le nkqubo ithe yaxhamlisa uqoqosho laseSweden ngentaphane yezakhono nolwazi.

“Abantu abakhokele iinkqubo zoqoqosho eSweden namhlanje bafunde phantsi kwale nkqubo yasimahla eyunivesithi kwaye uninzi lwabo ngelungakhange lube kanti luyazifumana ezi zakhono nolu lwazi ukuba ibihlawulelwa imfundo yeeyunivesithi zaseSweden,” utsho * -Aronsson.

Uthi oosopolitiki ngabo abanegunya lokugqiba kwelokuba imfundo yaseyunivesithi mayibe simahla kusini na kwilizwe labo.

“Yonke le nto ilele kwisicwangciso esiqamele kumbuzo wokuba ingaba ikamva lolutsha lithatyathelwa ingqalelo engakanani ngurhulumente welo lizwe,” utshilo * -Aronsson.

Lo ka-Aronsson ukuthetha oku nanjengoko amapolisa oMzantsi Afrika emanxada-nxada ukunqanda abafundi beeyunivesithi zeli abavutha ngumsindo befuna imfundo engahlawulelwayo.

Urhulumente weli loMzantsi Afrika umile kwelithi abafundi beeyunivesithi zeli abanabazali abarhola ngaphezulu kweR600 000 ngonyaka mabahlawule logama abo bangaphantsi kulo mlinganiselo kufuneka befunde phantsi kwengxowa-mali karhulumente iNSFAS, obuya uyihlawule xa ufumene umsebenzi – into ethetha ukuba asiyomfundo yasimahla leyo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za