Imfuyo isengxakini ngenxa yekhephu

IngubO emhlophe yekhephu egqume iingingqi zomntla Mpuma weMpuma Koloni, zibangela ubomi obunzima kwimfuyo nakumafama engingqi eziquka iKomani.

Ikhephu elimandla elidilike kwezi ngingi, libangele ukuvalwa kwenyoba eziphambili eziquka iPenhoek evela ngase Aliwal North, Barkely, Cala, Wapadberg, Lootsberg, Nico Malan nezinye eziphambili.

Ezona zithili zomasipala ezichaphazeleke ngamandla ziquka iChris Hani, Joe Gqabi kunye neAlfred Nzo nalapho kwezinye indawo kuphazamiseke amasebe karhulumente.

Othethe egameni lomasipala waseChris Hani uThobeka Mqamelo, uthi bakulungele ukujongana nale ngxaki kuba liqhelekile ikhephu kule ndawo.

“Simisele igqiza elizakuthi liqwalasele imeko nanjengoko ukhula umyinge wekhephu kwindawo ezahlukeneyo zesithili esi, senza oku sikunye namasebe ahlukeneyo karhulumente,” uthethe oko uMqamelo.

Kwaku ngomhla wama-25 kweyeKhala ngonyaka ka2011 apho lalikhithike ngamandla.

“Eli gqiza lizakukhangela ezona ndawo zidinga uncedo olufana nokuhlangulwa kwabantu abavaleleke kwezona ndawo zinokubeka ubomi babantu esichengeni, abanye bahamba kwezi ndlela bengazi, amagosa ethu emile apha ebaxelela ukuba batshintshe indlela,” utsho uMqamelo.

Ukanti umphathiswa wesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kweli leMpuma Koloni, uMlibo Qhoboshiyane, uyamkele ngovuyo imvula ehamba neli khephu.

“Siyayamkela imvula le kuba kudala sithandaza sicela ukuba kude kune imvula entle, sigagene nengxaki yembalela emandla kweli leMpuma Koloni ukusukela ekupheleni konyaka ophelileyo,” utshilo uQoboshiyane.

Eli sebe ngenxa yembalela, lichithe imali ekumashumi amane anesihlanu ezigidi zeerandi, ukuzama ukuncedisa amafama athwaxwe yimbalela.

Othethe egameni lezanuse zezulu eMpuma Koloni uGarth Sampson uthi:

“Le mozulu kulindeleke ukuba iqhubeke kude kubengomso inabele nakwezinye indawo zephondo leMpuma Koloni,” utsho uSampson.

Le ngxelo ithi le mozulu kulindeleke ukuba itshintshe kwiyure zokugqibela ngoLwesithathu nanjengoko umsinga obandayo uzakuba ugqitha kweli phondo.

Iphondo laKwaZulu Natal kulindeleke ukuba ligagane nokudilika kwekhephu kuquka nendawo ezithile kwiphondo laseFreyistata.

Ugqirha ongumfama eKomani uPeter Prinsloo, uthi ukuwa kwekhephu kubangele ukuba kube nzima kwimfuyo ukuba ixhwithe ingca kuba igqumeleleke phantsi kwelo khephu.