Imibhiyozo yolwimi lwenkobe!

Minyaka le, icandelo lezemfundo, inzululwazi nenkcubeko kuMbutho weZizwe eziManyeneyo, lihlala ligunyazisa ukuhlonitshwa kwanokubhiyozelwa kweelwimi zenkobe kumazwe ngamazwe.

Esona sizathu siphambili ekwenzeni oku, kukuzama ukunika imbeko nentlonipho efanelekileyo kwizizwe ezithetha iilwimi ezahlukileyo, ukuze kubhiyozelwe namasiko ahambelana nezo lwimi, ngeenjongo zokuba elowo nalowo kumazwe ngamazwe, abe nokufunda aze azibandakanye kwinkcubeko nakulwimi lomnye.

Ukufunda nokuthakazelela ulwimi lomnye umntu, kukuphuhlisa ingqondo nolwazi ngemvelaphi yaloo mntu, lowo ufunda ulwimi lomnye atsho abe ngummi ogqibeleleyo nakuliphi ilizwe.

Kaloku okona kugqibelela kupheleleyo emntwini kukwintlonipho nokuxabisa oko kuyingxam yomnye umntu ngokufanayo okanye ngokulinganayo noko kukokwakhe.

Ukuxabisa nokuthakazelela oko kuyinkqu yomnye umntu, kungakhokelela ekuncipheni kwezehlo zokucalulana nokubukulana phakathi kweentlanga ezahlukileyo.

Ndibe buchukumiseka ngolu suku lolwimi lwenkobe xa kwisebe lethu leelwimi eCPUT eKapa, omnye wabafundi basemzini enika ingxelo ngohambo lwakhe lokufunda isiXhosa. Intetho yakhe iqale ngamazwi athi, “mhla utitshala uMavela wangena okokuqala eklasini yethu singabafundi abantetho isisiNgesi nesiAfrikansi kuphela, wathetha isiXhosa esingavangwanga, sonke safuna ukunikezela, kodwa ngokunyamezela, nangokuzinikela xa into uyifuna, iziqhamo ziba zihle.”

Uqhubekekile esithi “xa kunamhlanje ndiyathetha nabantu abantetho isisiXhosa nkalo zonke zobomi, nto leyo yenza ubomi bube mnandi kwaye bube lula.”

Esathetha njalo lo mfundi, kukhwaze oomama ababini abasebenza njengabalindi apho esikolweni sethu, nabebemenyiwe ukuba babe yinxalenye yalo msitho, kuba kaloku ulwimi olu asilolwethu zititshala kuphela, koko lolwabantu kwaye ngokubandakanya bonke abo baluthethayo ulwimi ezifundweni, kuluncedo kakhulu kubafundi basemzini abafunda ulwimi lwesibini ngaphezu kolo lulolwabo lwenkobe.

Omnye waba mama, uMaMnywabe noMaJola, udanduluke wathi, “tyhini le, bayasithetha titshala abantwana bakho isiXhosa”. Waphendula omnye ngelithi, “loo nto ke kuza kuba nzima nokubahleba sana.” Oku kulandelwe yintswahla yochulumanco endlwini.

MaXhos`amahle akuloMalangana nakuloNkosiyamntu, mandincome ndibulele ngokungazenzisiyo kumbutho omele iilwimi kuzwelonke iPANSALB nangemisitho ebisingathwe kwiidolophu eziliqela kweli loMzantsi Afrika ngalo mhla wama-21 kweyoMdumba.

Kuzo zonke iindawo uluntu beluphume ngendlu kusiyiwa kubhiyozelwa iilwimi zenkobe. Kwimisitho endifikelele kuyo ndichwayitiswe kukubonga kwabantwana abasakhulayo, ukubaliswa kweentsomi ngokuchubekileyo, ukuyolisa kwengoma kwanemixhentso yeelwimi neenkcubeko ezahlukileyo.

Oku kundibonisile ukuba le bhodi yeelwimi iPANSALB isezandleni ezihle zolawulo, kwaye ithemba likho lokuba iilwimi ebezikade zingasiwa so, nazo ziza kuphuhla zibe kumgangatho wesiNgesi nesiAfrikansi kungekudala.

Ndiqinisekile ukuba nolu lwethu ulwimi mzi kaPhalo, kuquka nezinye iilwimi zemveli nezo zengingqi, ingakumbi ezo zamaKhoi, isiBhaca, isiHlubi, isiMpondo nezinye, nazo ziza kuphakanyiswa, zivuselelwe kwaye zibe nokusetyenziswa.

Ukuba uPANSALB uyibamba kakuhle ngolu hlobo ndibona ngalo, zonke iilwimi zemveli ziza kuphuhla. Akukho nto ibuhlungu ukogqitha ukuba abo bajongene nokuphuhliswa kweelwimi bangasebenzisani nabantu abathetha ezo lwimi.

Iibhodi ezininzi bezisuke zixele namanye wala manqenerha afana nathi akumaziko emfundo enomsila, kuxoxwe ngeelwimi ezi-ofisini nakwiinkomfa zeelwimi, oku kwenziwe bengabandakanywa ncam abantu abathetha iilwimi. Iilwimi zidwesha zakuthi asinto ya-ofisi nankomfa, koko zezabantu abazithethayo.

Ukuba uPANSALB nesigqeba sakhe esiphetheyo bayaqhubekeka beyibambe kakuhle ngolu hlobo ndibona ngalo, inene kucacile siyaya kweli nqanaba lesiNgesi nesiAfrikansi.

Nokuba kunini na, nathi siseza kububona ubunganga beelwimi zethu. Ngomhla wesi-2 ukuya kowe-11 kweyoKwindla, kwesa sixeko saseStellenbosch kuza kube kusingathwe iWoordfees yiyunivesithi yaseStellenbosch. Kulo msitho ndihlala ndisiya kuwo kubhiyozelwa ulwimi lwesiAfrikansi.

Oku kwenziwa ngokuboniswa nangokuthengiswa kweencwadi zolu lwimi, umculo wolu lwimi, imidlalo yeqonga engolu lwimi, isinxibo, umxhentso, imiboniso bhanya-bhanya, isihobe, imizobo, zonke eziveza ubungangamsha nokukhula kolu lwimi nenkcubeko yalo, kude kuyiwe nakwiimyuziyam zolwimi lwesiAfrikansi nenkcubeko yabo bangamaAfrikaner.

Ndiyaphinda, ngentsebenziswano phakathi koluntu, ibhodi yeelwimi, amaziko emfundo kwanamasebe ezemfundo nalawo ajongene nenkcubeko kurhulumente, zonke iilwimi zinganazo iimyuziyam zazo, zonke iilwimi zinganayo imibhiyozo enjengale Woordfees yesiAfrikansi.

Elinye lala maziko: iNMU; iFort Hare, iWSU okanye iRhodes University, lingakwenza kube yimpumelelo oku kweleMpuma Kapa, zincediswa nguPANSALB nazezi yunivesithi sikuzo apha eNtshona eKapa, ukuze kukhuliswe ukutshatshela kwesiXhosa nezinye iilwimi zemveli.

Mawethu, ukubhanga kolwimi lwethu, kukubhanga kwesizwe sethu!