Emva kwendibano eqingqithe iintsuku ezimbini zonke eKempton Park (Emperors Palace) kwiphondo laseGauteng, amaqela ezopilitiko aphikisayo eMzantsi Afrika avumelene ngelithi makasebenzisane ukuze abhukuqe umbotho olawulayo, iAfrican National Congress (ANC), kulonyulo lukazwelonke oluzayo. Amaqela asixhenxe aquka iDemocratic Alliance (DA), Inkatha Freedom Party (IFP), ActionSA, iFreedom Front Plus (FF+), iSpectrum National Party (SNP), United Independent Movement (UIM) ne-Independent South African National Organisation (Isanco) avumelene ngokuzibiza ngegama elithi: “Multi-Party Charter For South Africa”, entlanganisweni ekuhlahlwe umkhombandlela omtsha welizwe loMzantsi Afrika ngaphandle kwayo iANC ne-Economic Freedom Fighters (EFF) ekuthiwe kufuneka zichwethelwe kude elulawulweni. Iingxoxo zamaqela aphikisayo bezichotshelwe ngumntu ozimeleyo, uProf. William Gumede, encediswa zezinye izifundiswa eziquka uNerine Kahn, uLinda Vilakazi, Olmo van Meijenfeldt noHawa Khan.
Emva kokutyikitya isivumelwano esitsha sentsebenziswano, amaqela epolitiki abhengeze isicwangciso esitsha aza kucangcatha kuso ukuba ilinge lawo lokubhukuqa iANC liphumelele kulonyulo oluzayo. Enye yezinto ezibalulekileyo ekuvunyelenwe ngako ziinkokeli zamaqela ayimbumba ngoku kukuba aza kudibana aseke urhulumente wobumbano ukuba iANC iwe ngaphantsi komyinge omiselweyo oyi50% nesinye ngo2024. Izinto ezibalulekileyo urhulumente wobambiswano aza kuzibeka phambili zezi zinto zilandelayo: Luhlumo loqoqosho, ukudalwa kwemisebenzi, ukuphelisa ingxaki yombane ocimayo nokwakhiwa kweziseko zombane ezitsha, ukulwa ubuqhophololo norhwaphilizo, ulwaphulomthetho, ukuphuculwa kwemfundo, iinkonzo zoluntu, inkonzo yezempilo esemgangathweni ophezulu nendlela entsha yokuqubisana nendlala nemontlalo.
Usihlalo wentlanganiso, uProf. Gumede, uvumile ukuba iingxoxo bezingelulanga – kodwa amaqela azamile ukuzincama ezinye izinto kuba ezimisele ukwakha indlela entsha ekuza kusetyenzwa ngayo eMzantsi Afrika. “Ayizukuguquka indlela imibutho esebenza ngayo – kodwa iza kuba yinxalenye yembumba enkulu yonke ukusukela ngoku. Emva kolonyulo, iinkokeli ziza kudibana zishukuxe indlela aza kwaba ngayo izihlalo. Xa kusonyulwa abantu abaza kuba sesikhundleni zamasebe, kuvenwe ukuba asobe kujongwe ngeliso lepolitiki. Kufunwa umntu onesakhono – hayi le nkqubo ikhoyo ye’ANC,” utshilo uProf. Gumede. Imibutho ikubethelele ukumelwa kweentlanga zonke kurhulumente wemibutho ephikisayo. Okunye okubalulekile, umntu ngamnye oya ePalamente uza kufakwa kwinkqubo eza kuphicotha indlela aphila ngayo nezinto anazo kwaye iziphumo ziza kuthiwa pahaa esidlangalaleni. Phantsi korhulumente wobambiswano, iKhabinethi iza kucuthwa ibe ncinci kunale ikhoyo ngoku.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023