Imibutho eyi-26 ikhuphisana ngeMpuma Koloni

Iziko lokubala iziphumo zonyulo zikazwelonke ePitoli Umfanekiso: Oupa Mokoena/ African News Agency (ANA)

YIMIBUTHO yezopolitiko engamashumi amabini anesithandathu ekhuphisana ngephondo laseMpuma Koloni, elowo nalowo efuna iivoti ezithe xhaxhe ukuze ibe nguye okhonyayo kwiNdlu yoWiso Mthetho eBhisho.


Kule Ndlu yaseBhisho kukho izihlalo zamaqela ezopolitiko ezikumashumi amathandathu anesithathu (63), into ethetha ukuba ofuna isininzi kufuneka afumane iivoti zokumnika izihlalo ezikumashumi amathathu anesibini (32) ukuze aseke urhulumente wokulawula iphondo ukusuka kweyeSilimela kulo nyaka ukuya embindini ka2024.

Ngonyulo luka2014, iANC yafumana iivoti ezingaphaya kwesigidi esinesiqingatha (1 528 345) kwanezihlalo ezikumashumi amane anesihlanu (45), ze iDA yaliqela eliphikisayo ngezihlalo ezilishumi kwaneevoti ezingaphaya kwekota yesigidi (353 316). Iqela leUDM lafumana izihlalo ezine, logama iEFF yathi yafumana izihlalo ezibini ze iCOPE neAIC yafumana isihlalo esinye.

IKomishini yezoLonyulo eZimeleyo, eshunqulelwa njengeIEC, ithi zingama-4791 izikhululo zovoto ekulindeleke ukuba zamkele abavoti abangaphaya kwezigidi ezithathu (3.3 million) kunyulo lwangoLwesithathu.  

Kwezi zitishi, ezingama-447 kuzo azinamanzi, ezingama-573 azinambane logama ezingama-268 zingenazindlu zangasese. 

Noxa kunjalo i-IEC ithi ikulungele ukubamba ulonyulo kuquka nokwenza iinzame apho kusilela iinkonzo.

Kusenjalo, zimalunga nekhulu elinamashumi amathathu anesihlanu (135) izikhululo zaseMpuma Koloni ezixhalabise i-IEC apho kungenzeka kube nzima ukuqhuba unyulo ngenxa yezikhalazo zoluntu oluthi aluzukuvota.

Ubuninzi bezi zikhululo zikwingingqi yaseAmathole (47), kulandele iNelson Mandela Bay neAlfred Nzo ezikumashumi amabini, ingingqi nganye, logama iChris Hani ibe kwindawo yesine ngezikhululo ezilishumi elinesihlanu.