IMIBUTHO ezimeleyo yasekuhlaleni inoxanduva lokufundisa uluntu ngamalungelo awo.
Usekela mphathiswa wezobulungisa uJohn Jeffery ukhuthaze le mibutho ukuba ibe likhonkco kubantu basekuhlaleni neenkonzo zabo abazizuza kurhulumente. Ukuthethe oku kwindibano yale mibutho ebibanjelwe e-ICC eMonti nebiququzelelwe ngomnye wale mibutho iHuman Rights Foundation.
UJeffery uthe, le mibutho inamagunya okunyanzelisa amasebe karhulumente akhuphe ingxelo engeenkonzo zikarhulumente, ayithathe le ngxelo ayidlulisele eluntwini.
“Qinisekisani ukuba urhulumente uyaphendula ngakwenzayo. Ngelinye ixesha ubona ezincwadini zikamasipala kubhalwe ukuba kwakhiwe izindlu zangasese kwindawo ethile zibe zingekho, kulapho kufanele ukuba nithathe amanyathelo,” uzekelise ngelo uJeffery.
Abathunywa bemibutho ngemibutho ejongene neemfuno zoluntu bafumene ithuba lokuzityanda igila kusekela mphathiswa uJeffery. Omnye waba bathunywa ubalise ngesiqhelo esenzeka kummandla wakhe.
Lo mthunywa uthe, “Kukho amaxhegwazana ashiyeke nabazukulwana kuba oonina sebengasekho, siyawathatha siwase kumantyi ngelizama ukuwancedisa afumane isibonelelo sokondla aba bantwana.
Umantyi axelele lo mama mdala ukuba makayokhangela ootata baba bantwana apho intombi yakhe yayimithe khona, omnye mhlawumbi wayemithe eseKapa okanye eGoli, libe phofu ixhegwazana elo lingayazi noba lizakufika liqale ngaphi ukukhangela kuloGoli.”
UJeffery uthe, inyathelo elifana nelo alikho semthethweni. “Awukwazi ukuthi oogogo mabayokhangela ooyise babazukulwana ibe intombi yakhe eyamzalela bona ingasekho. Ukuba umantyi uthetha lo nto xelelani isebe lobulungisa.”
Ukwathe, le mibutho mayifundise uluntu ngokufanele ikwenze ukunyanzelisa amadoda angondliyo ahlawule imali yesondlo, kwakunye nokufaka isithintelo ngakwabo babahlukumezayo.
Elinye ilungu likhale ngamalungu ebhodi ejongene nesikolo enzakuphela okufunwa yinqununu yesikolo. UJeffery uphendule ngelithi, uluntu malisebenzise amagunya alo lonyule abantu abanenkathalo.
Ukwathe, uluntu maluseke imibutho yasekuhlaleni ezakujongana neemfuno zoluntu ngokomgaqo siseko.
Uthe ikhona inkxasomali kwisebe lobulungisa ephuma kumazwe emanyano yaseYurophu, kwaye inceda nawuphi na umbutho ojongene neemfuno zoluntu.
johnnie.isaac@inl.co.za
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine