Bezixakekile yimisitho eyahlukeneyo yokuqaphela usuku lwamalungelo oluntu izitalato zaseKapa nalapho imibutho eyahlukeneyo yezopolitiko ibidibene.
Umbutho weDemocratic Alliance okhokelwe libambela nkokheli kwiphondo leNtshona Koloni, uBonginkosi Madikizela, ubudibene kwingingqi yaseSite C eKhayelitsha.
Kulapho okaMadikizela athethe ngomcimbi wokuba umsantsa phakathi kwezinhanha nabangathathi ntweni ufanele ukuvalwa.
Ukwathe ingaba alunantsingiselo olu suku ukuba akunakuqinisekiswa ukungaphindwa kwempazamo zangaphambili kubuyiselwe nesidima soluntu.
KwaseKhayelitsha njalo, inkokheli yombutho i-Economic Freedom Fighters uFloyd Shivambu, udibene namalungu alo mbutho okwingingqi yaseIlitha Park.
UShivambu uthe ilizwe loMzantsi Afrika lifanele ukusebenzisa olu suku ukuqwalasela ingunqu ezathi zenzeka sukela kwintlekele yaseSharpville.
Kwilokishi yakwaLanga, umbutho wePan Africanist Congress wenze owaso isikhumbuzo solu suku lwamalungelo oluntu, nalapho kwasweleka abantu abathathu konzakala abaninzi kula lokishi phantsi kwesandla samapolisa.
Inkokheli yalo mbutho uLuthando Mbinda, uthi udushe olwenzeka kula lokishi alunakuze lulityalwe nangona sele kusondele iminyaka engamashumi amathandathu lwenzeka.
Lo kaMbinda ukwathe iPAC izakwenza konke okusemandleni ukuphucula indawo zabantu abangathathi ntweni.
Ngonyaka ka1960, amalungu ePAC athi aququzelela umngcelele wokuphikisana nomthetho wamapasi kwilokishi ezohlukeneyo.
Ngethuba lalo mngcelele kwaye kwabakho ungquzulwano phakathi kwabaqhankqalazi kwanamapolisa, nalapho kwabhubha abantu abathathu konzakala abaninzi.
Lo mbutho ubanga kakhulu olu suku nanjengoko imingcelele yathi yaququzelelwa yinkokheli yawo engasekhoyo uRobert Sobukwe.
– isibhalo@inl.co.za
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!