Imibutho yezopolitiko inyhilana ngeNkandla

UMBUTHO we-ANC utyhole iqela leDA ngokuphazamisana nemvume enikwe oonondaba malunga nokuhlola ikhaya lika mongameli weli uJacob Zuma. Izolo ikomiti yepalamente ejongene nomba wekhaya lika mongameli Zuma laseNkandla ibityelele elikhaya lingundaba-mlonyeni kulandela inkqubo yokuphuculwa kokhuseleko lwalo.

I-ofisi kamongameli inike oonondaba imvume kwiindawo ezithile eziquka ikliniki, indawo yokuchopha inqwelo-ntaka kwaneezindlu zokuhlala amapolisa. Amalungu eDA ebengeyonxalenye yekomiti yepalamente, endaweni yoko aye akhapha oonondaba. I-ANC ityhola ngelithi isenzo seDA apho kuquka umbhexeshi weliqela uJohn Steenhuisen nesithethi uPhumzile van Damme siphazamisene nomsebenzi woonondaba.

Lo mbutho utyhole lamalungu eDA ngokunika iimpendulo xa intloko yabahloli bokhuseleko kumzi kaZuma eNkandla ibizama ukunika iimpendulo. Isithethi kwi-ofisi yombhexeshi we-ANC epalamente uMoloto Mothapo uthe, iDA iqhwaya udushe, kwaye elodushe layo likhokelele kwingxoxo-mpikiswano nephazamisene nomsebenzi woonondaba wokuzibuzela banzi ngophuculo lwezokhuseleko lelikhaya. UMothapo uthe: “I-DA ikwenze oku kuba ifuna ukulahlekisa uluntu lungafumani ngxelo iyiyo kumajelo eendaba.” Eziphendulela kwezi zityholo uSteenhuisen ubhale kwikhasi lonxibelelwano likwa Twitter ngelithi, “Elona dushe bubuqhophololo neenzame ze ANC zokukhusela uZuma kwihlazo lendlela echithwe ngayo imali yesizwe kumntu omnye.” Ugxeke izindlu zamapolisa nezamajoni ezakhiwe kufutshane nekhaya lika mongameli Zuma uSteenhuisen.