Umbutho weDA ngomnye wemibutho ethe yavuyisana nabafundi bakaGrade 12 abaphumelele iimviwo zonyaka ophelileyo. UDelmaine Christians, osisithethi seDA kwimfundo esisiseko, wenze amazwi okuvuyisana nabafundi abaphumelele imatriki egameni lombutho wakhe.
“Impumelelo yabo ibubungqina bomsebenzi onzima owenziwe ngabo kwakunye nootitshala babo, iinkokheli ezikhokele izikolo neentsapho zabafundi,” kutsho uChristians.
I’EFF nayo yenze amazwi ikhuthaza ikwaqhwabela izandla abantwana abebefunda imatriki kunyaka ophelileyo u2024.
“Sininqwenelela impumelelo, sikwanikhuthaza ukuba niqhubele phambili nezifundo zenu, thina kwiEFF siyakugxininisa ukuba kufundwe kangangoko ninokukwazi ukwenza,” kutsho ingxelo ye’EFF.
Ukanti, iGood Party ithe nangona kukho ubunzima obuninzi kwindlela abafunda ngayo abafundi beli, kukho ingxaki yokungagqibezeli izifundo zabo.
“Sibaqhwabela izandla kuba abanye babo bashiya phakathi esikolweni, aba bazamile ukumelana neemeko zonke, abantwana abangena kumanqanaba okuqala esikolweni abagqibi bonke ukufunda,” itsho ingxelo yeGood Party.
USipho Hlomuka weANC eKZN naye uqhwabele izandla abafundi bakaGrade 12 kwiphondo lakhe ngokuphumelela kwezi zifundo. “Iphondo laseKZN lifumene ezonaBachelor Pass ziphezulu, oku kubonisa ukuba ngenene kusetyenziwe ngabafundi kwakunye nootitshala babo, siyabulela kubo bonke,” kutsho uHlomuka.
Nangona linyukile inani labafundi abaphumelele imatriki ukusuka ku81,4% ka2023 ukuya ku84,98% kwiziphumo zonyaka ophelileyo eMpuma Koloni, eli phondo alikhange lifikelele kula 85% belinqwenela.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung