Imibuzo ngamasiko nezithethe zesiNtu

Ezinye izinto zingathathwa ngokuba zincinci, abantu phandl’apha basoloko benemibuzo efuna iimpendulo.

Ngeli linge sizama ukuhlangabezana nabo. Yintoni umahluko phakathi kwemilowo nemilondekhaya? Imilowo okanye amalowa ngabantu baloo mzi, abantu beso siduko saloo mzi wamathile, amadoda neentombi zaloo mzi, iintombi zelo khaya lamathile, ezendileyo nezingendanga.

Imilondekhaya ngabantu abazalana neso siduko sithile abathi bangeniswe kwimicimbi yekhaya yecamagu; umzekelo abantwana beentombi ezendileyo, abatshana kunye nabantwana babatshana nezizukulwana zabatshana. Kukuthini ukuba nomgqwaliso?

Kuxa umntu lo asuke wanezothe angathandwa ngabanye abantu, asuke abe namashwa, zonke izinto azenzayo zisuke zingalungi zingaphumeleli, kuba usuka anyanyeke, athiyeke kwabo asukuba enento yokwenza nabo. Kude kuthiwe xa kuthethwa ngaye ungumntu onesimnyama.

Le nto inokudalwa, mhlawumbi umntu le nto udalwe nayo, kanti ke abanye kuthiwa sukuba besithwa ngamayeza amaxhwele asetyenziswa ngabantu abammonelayo. Omnye kuthiwa sukuba ethakathiwe ngabantu abangamfuniyo, abafuna angaphumeleli. Kukuthini ukuthonga?

Kukuphupha uxelelwa into okanye izinto ngamanyange akowenu, izinyanya. Elo phupha uvuka kusasa ulilawule kubantu bakowenu abadala, baze bona babalise iimbali ngabakwaziyo.

Kuthi ke xa lixaka elo phupha kuthatyathwe iintonga kuyiwe koosiyazi, abantu ababonayo, abantu abanokufa okumhlophe, amagqirha. Amagqirha ke athi alilawule ngokwawo elo phupha ukuba lithetha ukuthini na. Bathini na abaphantsi? Mbala mni na wesiko abawufunayo?

Kuthethwa ukuthini xa kusithiwa, ‘Camagu’ naxa kusithiwa, ‘Makube chosi, kube hele’ naxa kusithiwa ‘Makudede ubumnyama kuvele ukukhanya.’?

Emva kokuba inkabi yomcimbi, ibhokhwe okanye inkomo ilalisiwe emthonyameni, yahlatywa yinkulu yakhala. Abantu bayakhwaza bathi, ‘Camagu’.

Eli gama lithi camagu lithetha ukuba, ‘Makube njalo, mazifumaneke zonke izinto ezicelwayo.” Kwakhona kuthiwa, ‘Makube chosi kube hele.” Into ethetha ukuba ‘Makube njalo, zonke izinto mazize kubantu baloo mzi, baphile ubomi obumnandi obukhululekileyo.”

Naxa igqirha lichaza umhlola ngaphandle kwengoma nokubethelwa izandla, ukanti ke naxa libethelwa izandla, lithi lakuchana inyani yomhlola, naxa livumbulula izinto ezichanekileyo ekucacileyo ukuba abantu bayaneliseka kuthiwe, ‘Chosi! Chosi” Xa abantu batshoyo ke bathetha ukuthi bayaneliseka zezinyaniso zelo gqirha, bathi, ‘Makube njalo!’

Xa kusithiwa, ‘Makudede ubumnyama, kuvele ukukhanya!’, sakukhumbula ukuba abantu abaNtsundu bakholelwa ukuba zonke izinto ezintle zivela eMpumalanga apho ilanga nokukhanya kuvela ngakhona.

Yiyo le nto onke amasiko esiNtu ingakumbi awesiXhosa eqala ngokubaswa komlilo, xa kuselwa ingcaza kubaswa umlilo kuqhunyiswe necuba, xa kungeniswa inkwenkwe ebhumeni kufuneka ikhankatha lingene kuqala libase umlilo phambi kokuba impobole, amaxhego amadala ayiyale ngobudoda, naxa intombi ingena emkhusaneni kwantonjane kufikwa inkazana sele ibasile; naxa abazalisikazi bezalisa umfazana kubaswa umlilo wesifutho.

Ukukhanya kukholelwa ukuba kuzisa izinto ezintle. Kukuthini ukuthi siyanqula siyathandaza? Ukunqula kukucela izinto ezintle nempilo entle, kwabalele ukuthula, abaphantsi, asele besandulela, izinyanya.

Ukuthandaza kukungxengxeza uleleza ngemposiso neziphoso ozaziyo ezenziwe kwabaphantsi, izinto abantu abathe abazihoya nangona izimfanelo ebekufanele ukuba bazilungisile, okanye izinto ekukudala zivela emathongweni, koko bona bengazikhathalelanga.

Apha umntu uthi nangona ephosisile makaxolelwe. Yintoni umthonyama? Umthonyama sisazulu okanye amazantsi obuhlanti, kulapho kuthi kuxhelelwe inkabi yomcimbi, nalapho umswane uthi usasazwe khona, uze ugalelwe inyongo ukuze iinkomo zingagxwali zihlabane zenze ingxolo nengozi.

Le ndawo ingumthonyama, amaXhosa akholelwa ekuthini kulapho izinyanya zihlala khona. Yintoni ingcaza? Ingcaza yibhekile yotywala yemizi ethile ekhutshelwa abantu bekhaya elo emva kokuba zenziwe zonke iimfanelo, ikhutshiwe yonke imilawulo yotywala ngokwezizwe. Le bhekile yengcaza iselwa kuphela yimilowo nemilondekhaya.

Le bhekile iqala ingcanyulwe lixhego elidala lekhaya, akukhathaliseki nokuba elo xhego linekelebha okanye linamanqagisa, livuza nezinkcwe. Emva kokuba lingcamle le bhekile ijikeleziswa kumntu wonke wekhaya arhabule.

Le bhekile isisicamagusho kwizinyanya zaloo mzi; le bhekile isingxengxezo kumathongo aloo mzi. Ngale bhekile kucelwa impilo; kucelwa izinyanya zingawunikeli umva umzi nabantu belo khaya.

Ngaba umcimbi wamagqirha isenguwo na, xa kuthi ngalo mhla amagqirha axhentsayo kuhlatywe umntu ngomnye axabene naye, ize lo mcimbi ungamiswa kutsitywe phezu kwesidumbu. Ngaba iselisiko elo?

Inzima ke into yezibhoxi ezithi zenzakalisane xa kukho imicimbi, into yokonzakalisana kwabantu iqheleke xa kusaluswa, apho kude kufe amakhwenkwe xa eguywa, kodwa ke andizange ndive kusithiwa ingcibi mayingawusebenzisi umdlanga kuba kufiwe. Kwezinye iimeko kukhe kusweleke umntu wekhaya obegula umcimbi sele uqhuba, ngokwazi kwam awuye umiswe.

Endikwaziyo kukuba umcimbi umiswa xa kuthe kwasweleka isizalwane phambi kokuba umcimbi uqhube, ikhaya ke liwumise lingawuqhubi kuba liphantsi kwelifu elimnyama, inzila.

Umcimbi wesiko osele uqhuba awumiswa. Kuthi kuzanywe ukuphandwa unobangela emva komcimbi lowo.

Ndinengxaki nobugqirha bam ngunyaka wesine ndagqabazayo, ndanikwa ulugxa ligqirha ebendingumkhwetha okanye isigogo salo.

Ngoku ingxaki yam iindwendwe ezifuna ukuchazwa azingeni. Ngoku sendiphila ngokuzithengisela. Akungeni nomntu lo omnye oze kucela iyeza. Kufuneka ndithini ukulwa le ngxaki.

Into yobugqirha ngumhlaba onzima, indlela yokuziphatha komntu oligqirha ibaluleke kakhulu, abantu abaNtsundu bangena emagqirheni ngobusuku kuba besoyika ukuba amayeza abo abawafumene emagqirheni atshitshe.

Abantu ke kunzima ukuba baye emntwini oligqirha, abanekhwiniba abalibonayo abangalithandiyo kuye. Kuyafuneka ke ukuba xa uligqirha ubufunde gqibi ubugqirha, ubafunde nabantu oza kusebenza nabo.

Ndicinga mna ukuba ingxaki ilele kwakuwe, phinda uye kufuna amacebo kweli gqirha ubuthwasiswa lilo, utsho likucebise ukuba siqwetywa njani na isidima sobugqirha sokwenza ukuba uhlonitshwe uthenjwe ngabantu.