Imiceli mngeni yobumfama

IKonwaba Training Institute elwela amalungela abantu abaziimfama, ii-Albino kunye nabakhubazekileyo kwimatshi esuka eSteve Biko Bridge ukuya eCity Hall eMonti, besazisa uluntu ngemeko enzima abaphila phantsi kwayo

OBONA bunzima bajongene nabo abantu abakhubazekileyo, zizenyeliso abazifumana kubantu bokuhlala kuquka namalungu eentsapho zabo.

oko kudizwe nguTobeka Tyesi ongumsebenzi eKonwaba Training Institute (KTI) nowaphulukana nokubona eselula ngokweminyaka emva kokungenwa ngumhlaba emehlweni, engekaqali nasesikolweni.

UTyesi ukudize oku ngethuba iKonwaba Training Institute ibibambe umngcelele wabantu abazimfama obizwa ngokuba yiBig Walk nothathe iiyure ezimbini ukusuka kwibhulorho iSteve Biko ukuya kwiholo yesixeko saseMonti ngempelaveki.

“Imiceli-mngeni ikhona xa unje ngam. Okokuqala ligama abantu abakubiza ngalo, okwesibini luhlobo abantu abakuphatha ngalo kwanohlobo abakubona ngalo.

Andibagxeki kuba le nto yokuphatheka kanje iqala emakhaya kwiintsapho zethu kuba benenkolelo yokuba xa uthe wazalwa ukule meko ingafani neyabanye kuye kuthwe lilishwa ukuba nomntwana onjalo,” utsho uTyesi.

“Abanye baye bathi ukuba ubone umntu okhubazekileyo xa uzihambela uzakuba nentlahla. Zizinto esijongana nazo ezo imihla nezolo, nezenza ukuba sisive sohlukile kunabanye abantu “uqhube watsho.

Uthi xa ukulemeko ufana naye wonke umntu. UTyesi uthi nokuba utshatile imiceli mngeni yakho iyafana neyeminye imitshato, yabo bangena siphaku.

UNandipha Bhali oyingqonyela yeKTI uthi, njengokuba le iyinyanga yabantu abakhubazekileyo iKTI igqibe, ekubeni ivise kamnandi eli qela libizwa ngokuba ngama “Qhawe emveli.”

“Sikholelwa ukuba bangamaqhawe ngokwenene kuba bakwazile ukuzilwela, bakwazile ukuphakama. Abanye kwaba bayafunda abanye bayaziphangelela abazisizeli,” utshilo uBhali. Ukwathe,

“Sifuna ukufundisa uluntu ekuhlaleni malunga nabantu abakhubazekileyo kuba siyaqaphela amaxesha amaninzi abakhathalelekanga kwindawo zethu zokuhlala.

Sizakuvula nesikolo esizakujongana ncakasana nabakhubazekileyo.”