Imidlalo yeziko losasazo loMzantsi Afrika (SABC) isisa egedukeni isintu

Ithanda ukuxhalabisa noko indlela uSABC asasaza ngayo izinto zesintu phofu esiqhatha esenza ngathi uyasiphuhlisa.

Umgaqosiseko weziko losasazo loMzantsi Afrika (SABC) uthi nantonina ebaliswayo okanye edlalwayo apha kulo mayibe nemfundiso, ibe nehlombe kwaye yandise ulwazi lwabantu.

Kwakhona thina bantu besintu saye savuya xa kusithiwa kumgaqosiseko weenkolo ka1995 weli ziko, xa lalisithi liyatshintsha kubukoloniyali nokusasaza inkolo enye, bathi abaphathi belo xesha ngoku kuza kubakho umakulinganwe.

Ngaphezu koko lade lathi eli ziko noko makubekho ingqwalasela enkulu emayinikwe inkcubeko yesintu kunye noKholo Lwemveli kuba kaloku zona kudala zacinezeleka.

Uyakukhumbula ke umfundi ukuba kudala phambi kwenkululeko amadlagusha ayeyichaza ngendlela ephitheneyo nangolunya inkolo yemveli yeli lizwe kuba ayefuna umntu ontsundu aguquke ayeke izinto zookhokho bakhe athathe ezi zookhokho bamadlagusha.

Sathi xa eli ziko lalisithi lenza utshintsho sancuma sodwa kanti asazanga ukuba kusekude engqinibeni, siza kubethwa ngemfe iphindiwe.

Xa umntu ejonga ngoku indlela izinto ezenzeka ngayo kweli ziko, endaweni yokuba iNkolo yesintu ibuye elungqamekweni apho yatyhilizelwa khona bubukoloniyale, ngoku ityhudiselwa ezingxondorheni mpela kodwa zonke ezafikayo zitshotsha entla kweli lizwe loobawomkhulu.

Endaweni yokuba ibuye iphinde itshotshe entla kokwayo njengoko kwakunjalo phambi kokufika kwamadlagusha, hayi ngoku iyafuthaniselwa okanye iyajampalaza idudulelwa ezingxondorheni.

Isimanga nodano ke phofu kukuba ayisengomadlagusha la anyemba, anyhashe, athuke, athengise ngale nkolo; ngaba kanye bantsundu abantu, badla sithebeni sinye naba bantu babeyicinezele. Ingaba yinkululeko ke leyo, uNotshe!

Omnye ndiqinisekile uyazibuza ukuba ndichukunyiswe yintoni ndathetha kanje. Ndithi ndakujonga imidlalo kaSABC ndizibuze ukuba ababhali zithini iinjongo zabo malunga nokuphuhlisa umntu ontsundu? Akukho nto endothusa nendicaphukisa njengendlela aba babhali abazoba ngayo indima yezinyanya, intwaso kunye nobugqirha nje jikelele.

Ndifuna nje umntu akhe ajonge uGenerations: The Legacy kunye noUzalo. Phofu loo nto ingathi indlela aboniswa ngayo uMulimisi kaMuvhango yile yesintu siyaziyo ngaphandle nje kokoyikisa abantu nokuba ngathi udlala kuMacbeth. Into angcono ngayo uMuvhango akukho mntu osoloko eyinyhukrula le ndawo kaMulimisi.

Abantu bakomkhulu bayakholelwa kuye njengegqirha lakomkhulu, futhi ke soze ufike kukho zambatho zacawe neminqamlezo phaya kula ndlu kaMulimisi.

Phaya kuGenerations ndinomdla wokwazi ukuba injongo yombhali inokuba kukuthini xa umdlali onguGog’ Flo ebonyanya kangaka ubugqirha?

Uthi usenomdla wokubukela uGetty, usuke utyhafe xa uGogo eyigalela amanzi yonke le nto abe ephethe ibhayibhile. Wohluke njani kubefundisi babelungu abafika banyhasha izinto zomzi ontsundu?

Ingaba umbhali uzama ukuthi ooAbraham bangaphezulu kwizinto zemveli yakokwabo? Phofu akutsho mlungu ke ngoku kutsho kwa owakuthi.

Andikho apho ke kuba kaloku ndithi intsusa mabandla ikuZalo. Ewe ndiyalubukela ntsuku zonke kuba ndithanda le nto ingabantu abathanda ulwimi lwabo, qha ke ingxaki yam yindlela eqhathanisa ngayo ubugebenga kunye necawe ngokungathi yindlela umntu ontsundu aphila ngayo leyo.

Futhi ke ubone ukuba kuzanywa ukubangathi icawe sisisombululo seengxaki zomntu ontsundu. Ndiza kukhe ndinike imizekelo nje embalwa ebonisa ukuba umntu ontsundu, ingakumbi aba bakumanqwanqwa aphezulu basasebenza ngengqondo yobukoloniyale.

Ingxaki yesibini nengundoqo weli phepha yindlela uMamlambo abonakaliswa ngayo, akucaci nokuba ligqirha okanye ngulo mntu athi amagqobhoka ngumpolofithi, yingxubakaxaka nje.

Isinxibo sikaMamlambo sesecawe, kumrhawule wakhe kukho idyasi enkulu eluhlaza enomnqamlezo omkhulu emqolo kunye nebhayibhile. Ezo ke izinto zezecawe kwaye ke xa ndiyijongile ilunga kweli cala lobupolofithi.

Phofu ke lo Mamlambo uyanyenjwa kweli cala lecawe neminqamlezo nebhayibhile kuba ethetha nezinyanya kuthiwe asiyonto yamakholwa leyo. Okuphinde kothuse kwakulo mdlalo kaMamlambo yinto eyenzeke kule veki iphelileyo ngoLwesine ngexesha apho naye Mamlambo eyokuxilonga kuMaNkosi naye onxibe isicawe, nako kusitsho ingoma yamagqirha.

Le ngoma ithathwe kwicwecwe likaBawo uBavumele Hlulani, uThangana ingoma ethi “Buza indlela kulo mntu uhamba naye”, phofu into ehlekisayo nedelelayo idlalwa ngaphandle kwemvume yakhe ngokokutsho kukabawo lo. Naye uThangana uthi uzothuke xa esiva ingoma yakhe idlalwa.

Okokugqibela sisicelo phaya kubaphathi beli ziko losasazo, ukuba isintu bayasifaka mabasifake ngembeko kwaye sisekelwe kwimbali yalapha hayi le yokutolika izinto zesintu besebenzisa ingqondo yobukoloniyale.

Le nto yenziwa leli ziko ayenzeki kwiinkqubo zamaJuda, amaNdiya, nabenkolo yobuMuslim. Zona ziphethwe ngembeko akuhlekiswa ngazo. Ingaba ababhali bethu ngoosomlomo bobukoloniyale?