Imifanekiso: Ndwendwela iSajonisi

IMpuma Koloni liphondo eliqhayisa ngobuhle balo kwaye lineentaba ezintle, indalo, imizimba yamanzi, iindawo kunye nenkcubeko etyebileyo. Xa abantu befuna ukutyelela iindawo abaza kuchitha kuzo iiholide, balijongela phantsi eli phondo, nangona lineendawo ezintle ezikhuphisana nezona ndawo zibalaseleyo zehlabathi. Ngaphezu koko, abantu baseMpuma Koloni banobubele kwaye bamkela iindwendwe ngochulumanco lwenene.

Kutshanje, iintatheli zeMpuma Koloni zimenywe eSajonisi kumnyhadala wenkcubeko, Isingqisethu Cultural Festival, obuququzelelwe liSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni ngentsebenziswano neSebe lezoKhenketho ephondweni.

Iintatheli ziye zayonwabela le ndawo, zandwendwela iindawo ezithandwa ngabakhenkethi kwaye zatya ukutya okumnandi kwale ndawo. Nantsi imifanekiso yohambo oluthathwe nguMhleli wethu wezeMidlalo, uPedro Mapelo.

Ingxangxasi iMagwa Falls.

Umncedisi wabakhenkethi ngelixa ebheqa iphenyane elithwele iintatheli.

Ulonwabo nca emntaneni eSajonisi.

Iintatheli zaseMpuma Koloni zonwabile eSajonisi.

Iintatheli zonwabele ukubheqa iphenyane.

UNcumisa Somakepu ongumnikazi weNcumisa Home Stay eyindawo yabakhenkethi eSajonisi.

Ukutya okumnandi okwenziwe nguNcumisa Somakepu.

ISajonisi iqhayisa ngokutya kwaselwandle okonwatyelwa ngabahlali kunye nabakhenkethi. Le yikolofishi eyenzwe nguNcumisa Somakepu.

Iimbaza ezilungiselelwe nguNcumisa Somakepu.