Imigqaliselo yokuphelisa udushe loonoteksi eMthatha

Isebe lezothutho nokhuseleko eMpuma Koloni liceba ukumilisela umgqaliselo weenyanga ezintandathu ngenjongo yokuphelisa udushe loonoteksi osele lusube imiphefumlo yabantu abangamashumi amathathu ananye kwimimandla engqonge idolophu yaseMthatha. 


Olu dushe luqale ekuqaleni konyaka ophelileyo kulandela ukungavisisani phakathi kwemibutho yoonoteksi – Uncedo Taxi Service noBorder Alliance – ngemizila yokukhwelisa abantu kummandla waseMthatha, Sajonisi, Ngqeleni, Lusikisiki naseLibode.


Oku kukhokelele ekubhubheni kwabantu abangamashumi amathathu ananye apho kuquka abanini beeteksi, abaqhubi beeteksi kwakunye nabakhweli abachanwe ziimbumbulu bengeyonxalenye yodushe.


Iinzame zokuphelisa olu khwembekhwembe zenziwe, kodwa nkqi isisombululo.


Umphathiswa wezothutho nokhuseleko ephondweni uWeziwe Tikana, uthi babalelwa kumashumi amane abantu ababanjwe malunga noku. “Kuvulwe amatyala angamashumi amahlanu anesibhozo,” utshilo uTikana.


UTikana uthi phakathi kwesinye sezisombululo abasiphakamisayo kukuba mayikhutshwe imibhalo yemibutho yoonoteksi kwizithuthi; kuvalwe iirenki ezingekho semthethweni; iiteksi zikhwelise abantu nokuba kuphi; makungabulawa mntu; oonoteksi mabaxolise eluntwini malunga nolu dushe.


Urhulumente uzakuqinisekisa ukuba bayatshutshiswa abo babandakanyeka kolu dushe, utshilo uTikana.