Imigushuzo kwisikhululo sasePhilippi

Ace Magashule Umfanekiso: Ayanda Ndamane
Kapa: Enze imigushuzo ngaphandle kwesikhululo sikaloliwe ePhilippi amalungu ombutho iDemocratic Alliance ngenjongo zokuyo kuphazamisa utyelelo lukanobhala jikelele weANC uAce Magashule. 

OkaMagashule bekulindeleke ukuba atyelele kwesa sikhululo eyokuthetha namalungu kaKhongolose kwanabaphathi be-arhente yoololiwe iPrasa, kodwa ngenxa yeziphumo zentlanganiso yesigqeba esiphezulu seANC, utyelelo lukaMagashule luye lanqunyanyiswa.

Ngenxa yokungazi ngolu nqumamiso, amalungu eDA afike kwesa sikhululo ephethe amaxwebhu abhalwe ‘Arrest Ace Magashule’ becula amagwijo athi le nkokheli inobuqhophololo kwanamanye amalungu esigqeba seANC bewabiza ngamagama.

 Aba bathe bakubona kugaleleka amalungu eANC ebeyokuqhuba umcimbi wokuhambisa amaphetshana amema abantu kumsitho wokubhiyozela usuku lokugqiba unyaka we106 wasekwayo lo mbutho, bathe bhazalala abeDA babuyela kwizithuthi zabo bashiya indawo.

 UMagashule utyholwa ngokwenza ubuqhophololo kwimali eyayifanele ukunikwa abamalimi abantsundu kwiprojekthi ye VredeDairy Farm. Kutyholwa ngokuba ngamakhulu amabini ezigidi zeerandi uAce awabelana ngazo nabahlobo bakhe kwiANC kuquka namalungu osapho oluyindumasi kweli abakwaGupta.