Imihla yokugqibela kaMakupula

Inkosikazi yoMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, ongasekhoyo uMandla Makupula, ngethuba isigqeba esivela eburhulumenteni sizokuvela kweli khaya eGonubie

UMPHATHISWA wezeMfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula bezimphethe ngeyona ndlela iintlungu zomhlaza, kangangokuba ebesele engafuni nalo mibhobho yokuphefumla ebeyifakwe eLife St Dominics eMonti, sele efuna ukulandulela eli.

UMakupula ubhubhe ngoMvulo wale veki emva kwedabi elivisayo nesifo somhlaza. NgoLwesibini wale veki, bekufanele ukuba ubhiyozele umhla wakhe wokuzalwa wokugqiba iminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe.

Isithethi sosapho kwanomakazi kaMakupula, uMargaret Mjo, uchazele I’solezwe lesiXhosa ngezona ntsuku zokugqibela zikaMakupula.

“Ngeentsuku zakhe zokugqibela, njengoko ugqirha wakhe ebesele etshilo, ugqirha wakhe wasibiza silusapho esithi masilindele nantoni na. Ugqirha ebesinike uLwesihlanu [womhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMsintsi] kuba ebona ukuba unyuka umnqantsa uMandla.

“Kodwa ziye zahamba iintsuku [njengokuba ebhubhe ngoMvulo nje], kodwa yena ebebonakala ukuba uyakufuna ukuhamba qha egcinwe nje yimibhobho yokugcina umphefumlo. Ebengayifuni la mibhobho, into ethetha ukuba ebekulungele ukuhamba,” utshilo uMjo.

UMjo ukwachaze uMakupula njengeqhula ebelithanda ukonwabisa abantu, kodwa likwenza oko ngokuqala lifunde iingqondo zabantu.

“Apho akhoyo uMandla, kuyahlekwa, ngoba ebekwazi ukujonga abantu – abone ukuba bafanelwe sesiphi isiqhulo. Yindlela ebehlakaniphe ngayo leyo. Uthandiwe ngabantu, kuba uthando lwakhe belungena ngaphakathi ebantwini. Enye into esakumkhumbula ngayo kukuthanda ukutshaya, ngumzuzu nje uphuma phandle uyokutshaya,” kutsho uMjo.

INkulumbuso yePhondo uPhumulo Masualle, uthi ukubhubha kukaMakupula kushiye “inxeba elinzulu”.

“Ndizibuza ukuba abekho ooxathawana ebekufanele ukuba babhubhile endaweni yegorha elifana noMakupula,” utshilo uMasualle, esithi wazibona iimpawu zobuthandazwe nokuzimisela kwantlandlolo kulo kaMakupula.

UMphathiswa weMfundo eSisiseko uAngie Motshekga, uthi iMpuma Koloni liphondo elibonakalise uzinzo phantsi kolawulo lukaMakupula, watsho esithi isandla sakhe kumbandela wokudityaniswa kwezikolo (ukuvalwa kwezikolo ezincinane ngabantwana) yinto aqaqambe kunene kuyo lo Mphathiswa.

UMakupula uyangcwatywa ngomhla wamashumi amabini kule nyanga.