Imilingo naMaqhula angazange abonwa eQonce!

Tsepiso Nzayo

WAKHE weva ngeqhula elinemilingo? Okanye wakhe wambukela umntu onemilingo okwaliqhula? Ukuba impendulo yakho kule mibuzo nguHayi, eli lithuba lokuba uzibonele ngawenyama.

ITsepiso and Friends – ngumcimbi wamaqhula ozakube useQonce, nalapho kulindeleke kwenzeke khona nemilingo.

Esi siganeko sonyaka nonyaka, kulindeleke sikuphathele iNever Seen Before kwesi sihlandlo, abo bangazange babonwa kwiqonga lamaqhula.

Ongumsunguli walo mcimbi, uTsepiso Nzayo, ubalisele I’solezwe ngeenjongo zokuyila umcimbi onje.

“Yindlela yokuveza italente entsha kwiqonga lamaqhula, siza nabo bangazange babonwa ngaphambili,” utsho uTsepiso.

“UMawonga Gayiya nguye oza nemilingo kwiqonga lamaqhula, konke kuza kubonwa ngabo bazakube bekhona.”

UTsepiso uthi le yindlela yokuthi ngamana kubantu baseQonce abahlala beyixhasa imicimbi aza nayo.

Itikiti elixabisa ikhulu leerandi (R100) lilo eliza kungenisa kumasango aseKing Club kule mpelaveki yomhla wokuqala kweyoMnga.

Eqongeni nguSonwabile Sigcau, Ntsika Sqhazolo, King Beema, Kolping Mbumba, Mawonga Gayiya ( uSomilingo ) , Tsepiso Nzayo, Thulani Ntlabati noNasiphi Mbava.

“Olu luluhlu lwabo bangazange babonwa, khawuleza amatikiti ayaphela!”

“Kusafuneka sisebenze nzima ukuze sifumane amaqhula angamanina,” kutsho uTsepiso.

Amatikiti afumaneka eHead Office Salon, kuTsepiso Nzayo buqu nasemnyango.

Umcimbi uqala ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa!