Imincili abahlali befumana ubunini bezindlu

Ibiyimincili nochulumanco kubahlali belokishi yaseWalmer eBhayi ngethuba besithiwa jize ngamaxwebhu obunini mhlaba nezindlu kwisihikahika somsitho obubanjelwe kwiholo yale ndawo kubanini abangamakhulu amane.

Lo msitho ubuzinyaswe ngusodolophu walo masipala uGqirha Danny Jordaan nokhokela isebe lohlaliso loluntu kulo masipala uNomvuselelo Tontsi.

Beziphume ngobuninzi bazo iingwevu zale ndawo zizokwamkela la maxwebhu okokuqala emva kweminyaka engaphezu kwamashumi asixhenxe, abanye babo bengabanini bezindlu nemihlaba kodwa bengenamaxwebhu angqina ukuba bangabanini abasemthethweni.

Ethetha kulo msitho, uJordaan uthe lo msebenzi linyathelo lokuqala kumsebenzi walo masipala wokubuyisela isidima kubantu balo masipala esahluthwa ngoorhulumente bobandlululo.

Uthe ilokishi yaseWalmer yindawo yokuqala ukuba abahlali bafumane ezi tayitile esithi oku kuzakuba yinkqubo ezakuqhubeka kulo lonke.

“Siqale ngokuthi senze uphando ukuba ngenene abantu abahlala kwezo zindlu ngabanini bazo ngokwenene na kuba iWalmer le yenye yeendawo ebezikade zinemiceli-mngeni ebangele ingxoxo kubangiswana ngobunini bezindlu zeRDP,” utshilo.

Enye yeengwevukazi zalapha, umama uAgnes Msipa, akakhange abe-nokuzibamba iinyembezi yimincili ngethuba esamkela itayitile yakhe. Uthe yiminyaka engamashumi asixhenxe engumhlali waseWalmer nomnikazi wekhaya kodwa yonke loo minyaka akazange waba nexwebhu elisisiqinisekiso sobunini.

“Ubomi bam bonke ndingumhlali kule ndawo andizange ndive mntu uthi unetayitile, oko ndaba ngumnini-mzi andizange ndaba netayitile, esi sisiqinisekiso esithi nokuba ndingabhubha abantwana bam nabazukulwana bayakuhlala ngebhongo,” utshilo umama uJane Koester.