Imini kandancama kwababhujelwe ngumntwana otyiwe yinja!

Ibekwa kwikhaya lokugqibela ngoLwesine kule veki inkwenkwana yaseDyamala eDikeni eneminyaka esixhenxe (7) negama linguZibele Liyakhanya Mthi, obhubhe ngosuku lwePasika emva kokuhlaselwa yinja eluhlobo lwepitbull yasekuhlaleni. UZibele ubhubhele kwisibhedlele iFrere eMonti, emva kokubalekiselwa khona sisibhedlele iVictoria esiseDikeni.

Kumalungiselelo omngcwabo, olu sapho luncediswa ngumzi wabangcwabi bakwaMaxatana kwakunye nomasipala wala mmandla iRaymond Mhlaba.

UTabita Mthi nongumakazi womntwana, ethetha neli phephandaba, uthi ezi ndaba zokuba baza kuncediswa zicuntsulile kwintlungu yokushiywa ngunyana wabo.

“Besisaxakiwe ukuba sizokwenza njani na ngamalungiselelo omfihlo womntwana. Sasuke seva ezi ndaba zikaMaxatana, yatsho yacuntsuleka intlungu nakuthi. Siyambulela ngesandla sakhe ngokungazenzisiyo, khange siyicinge le asenzela yona. Ebesemncinci kakhulu uZibele, singekayicingi nento yokuba simfake kwiipolisi nakule mibutho yasekuhlaleni kuba singazange sicinge ukuba kungaze kwenzeke esi sihelegu kuye.”

“Kubuhlungu kakhulu kuba umphefumlo womntwana sokube uphinde ubuye ngoku. Into eyenzekayo kukuba sishiyeke nesilonda, nangoku sesimana sizixolisa simane silinganisa izinto ebezenza apha ekhaya xa esihlekisa,” uvale ngelo uMthi.

Uqhube wathi uBongiwe nongumama womntwana akakayamkeli into eyenzeke kuye isamothusile.

OweKhula Community Development, uPetros Majola, uthi uyaluvuyela ungenelelo labakwaMaxatana kolu sapho, nabathe abakwazi ukuthula emva kokuva esi sithwakumbe.

UMajola utsho esithi yanga ungaphumla ngoxolo umphefumlo womntwana.