Imini yeContralesa ePhumlani eMonti

Inkosi uMthuthuzeli Makinana ethetha kumsitho wokubhiyozela imini yeCONTRALESA ePhumlani

Ngumhla lo wokuba sizikhumbuze ukuba singoobani, sisukaphi, simi phi, kwaye sisingise phi. Ukuba asiyazi impendulo kule mibuzo sisengxakini enkulu kakhulu, kuba imiceli-mngeni esijongene nayo asinakuze simelane nayo, siyoyise.

Isiqalo sobulumko kumntu ontsundu kukwazi amasiko akhe nokuwathobela. Izizwe ezinempumelelo apha emhlabeni zezo ziwaziyo, ziwathobelayo amasiko nezithethe zazo.

Izizwe eziyihlonelayo indlela awazifundisa yona yokumnqula nokumkhonza uThixo, uMvelingqangi, uMdali wezinto zonke, uQamata, azohlulwa ziintshaba.

Ukuba siyaqaphela, ukwahlukana kwethu nenkululeko kunye nomhlaba wethu kumhla sayeka ukumnqula uQamata ngendlela awayesifundise yona.

Sasuka sathabatha indlela yasemzini, sajongela phantsi eyethu, salandela kanye le yaba bantu baze kurhwaphiliza ubomi bethu ngeenjongo zokusongamela nokusikhoboza.

Ngamany’amaxesha side sithethe naye uQamata sisebenzisa iilwimi zabacinezeli bethu, kanti singabanye sizibiza ngamagama abo babandezeli bethu. Sicinga ke ukuba angasiva kanjani wayesinikile nje olwethu ulwimi nendlela yokuzibiza?

Indukw’entl’igawulw’ezizweni, ewe, kodwa akuthethwa ukuba makulahlwe ezasekhaya, koko kuthethwa ukuba masiphucule indlela yethu yokuphila ekhaya.

AmaXhosa akudala asixelela ukuba wamsa kulahl’imbo yakho ngophoyiyana. Kuhle ukuba sifunde kwezinye izizwe ngenjongo zokuphuhlisa eyethu intlalo, hayi ukuyifulathela.

Utsho naye uNyana woMntu ukuba akazele ukuchitha amasiko alungileyo emhlabeni.

Utsho noMyolelo oMdala (Old Testament) ukuba masibeke oomama nootata bethu ukuze yoluleke imihla yethu.

Kungoko ke kubalulekile ukuba sibahloniphe, sibakhumbule naxa sele bekwelemimoya abazali bethu ngokuthi simane sithetha nabo ngokubenzela imisitho yokubavuma ukuba bangabazali bethu nangona singababoni ngeliso lenyama.

Masizibuze umbuzo othi kungani na namhlanje kunzima kangaka nje ukucela izinto kuThixo aphendule; ekanti phambili phaya kwakusithi lakubalela sibuye sesimanzi yimvula sakusuka entabeni okanye emlanjeni ekuthethwa naye kuwo.

Impendulo isekubeni safulathela iindlela zoobawomkhulu, suka salandela ezababandezeli nabacinezeli bethu. Khangela, bona bayaphumelela ebomini kuba abayityeshelanga indlela yooyisemkhulu.

Ingaphaya kwamakhulu amabini iminyaka abaphambukeli bekweli lizwe, kodwa amashumi asithoba ekhulwini labo abakwazi kuzithetha ezethu iilwimi, ababo abantwana ababathiyi amagama esiNtu nangona bekwaNtu.

Kule mihla basebenzisa abanye bethu, ekuthiwa bakhanyiselwe ngenxa yokuba bezama ukuphila ubomi besiLungu, ngokubamfamekisa ngeqhinga lokusohlutha nalo mncinanana simi kuwo umhlaba.

Basebenzisa intlupheko yethu ngokuthi masinikwe ii-Title Deed ngeziza zamakhaya, amasimi namadlelo omhlaba wookhokho bethu, ngelithi loo nto iza kusizela nentlutha kuba siza kukwazi ukuboleka iimali zokuziphuhlisa.

Ngelo xesha bayazi ukuba intswelangqesho, ubuhlwempu nokuphila singalingani yenza ukuba singakwazi ukuwahlawula amatyala ethu. Sakwahluleka ukuwahlawula loo matyala ngezo Title Deed izinto zethu ziyathinjwa.

Maze nijonge amaphephandaba emihla ngemihla ukuba zingaphi na izindlu ezithengiswayo ngooNothimba ngenxa yokusilela kwabantu ukuhlawula amatyala abo eebhanki.

Maze nihlale nisazi ke futhi ukuba zonke iibhanki zeli lizwe zisezandleni zabeLungu, nto leyo ekuxelela ukuba iiTitle Deed ezi licebo lokunikezela nangeli suntswana lokugqibela lomhlaba okwizandla zethu.

Kumz’oNtsundu ixabiso lomhlaba lifana nelomntu – awukwazi ukuthi yimalini. Umhlaba ngumthombo wobomi kanye njengamanzi nomoya lo siwuphefumlayo; zonke sisipho sikaMdali ebantwini, aziyonto yomnt’omnye.

Lumkani ke ngoko, mawethu, ningalahlekiswa ngabo bathi bayaninceda kanti ziintlola zotshaba. Njengoko ulawulo lombuso lusezandleni zethu, amandla esinawo thina bendlw’eNtsundu masiwasebenzisele ukubuyisa lo ukwizandla zenzala yabarhwaphilizi.

Xa nditshoyo anditheth’ukuthi mawohluthwe basale bengenanto yakuziphilisa, koko ndithi mababelane nathi ngobulungisa nangokulingana.

Ayamkelekanga konke konke into yokuba indoda inye ibenomhlaba ongaphezulu nakwiilali zeNkos’enye. ISebe lokuSebenza, endinguSekela Mphathiswa walo, lineenkqubo ezininzi zokunceda abantu bakuthi, ntonje ingathi azaziwa kakhulu ngabaxhamli bazo.

Ndicebisa ke ukuba xa unethuba ubokuya kumaZiko okuSebenza (Labour Centres) akufuphi kuwe, ufike ubuze ngazo ezo nkqubo kumagosa alapho. Aza kukuxelela ukuba abantu abafuna umsebenzi bayabhaliswa ukuze xa kuvela amathuba abhaliswe ngoosomashishini badityaniswe nawo; oosomashishini bayakhuthazwa ukuba amathuba engqesho abanawo mabawabhalise kweli Sebe; oosomashishini abasemngciphekweni wokutshona bayancediswa liCandelo leMveliso loMzantsi Afrika (Productivity SA) ngeengcebiso zokulungisa indlela yokuqhuba ishishini elo ngempumelelo kanti nangemali yokuhlawula imivuzo yabasebenzi ngexesha lisangcambaza.

ISebe eli linabo naBahloli bokuSebenza (Labour Inspectors) abathi basabele kwizikhalo zabasebenzi abazifumana benyhashelwa amalungelo abo okusebenza.

Baya bephala ukuya kusabela xa belivile ikhwelo, kwaye banawo amagunya okungena ngaphakathi kumasango omzi lowo wokusebenza, bade bajonge neencwadi zeshishini elo ngelokuzanelisa ukuba bayayithobela na imithetho yokusebenza.

Lilungelo labasebenzi ukuba babhaliselwe iNgxowa yaBaphelelwe nguMsebenzi (Unemployment Insurance Fund). Le mali inceda umsebenzi okanye usapho lomsebenzi othe waphelelwa ngumsebenzi ixesha elingangonyaka. Awuyifumani kodwa ke le mali xa uthe waziyekela ungagxothwanga (resigning).

Kwakhona xa uthe wagula okanye wonzakala ngenxa yokusebenza unelungelo lokunyangwa, nokubuyekezwa ngemali yiNgxowa yeMbuyekezo (Compensation Fund).

Kanti xa uthe wasweleka ngenxa yomsebenzi usapho lwakho lunelungelo lokubuyekezwa kwayile Ngxowa. IiNkosi ke zona zinalo igunya lokubiza amagosa eli Sebe ukuze acacisele uluntu ngazo zonke iinkqubo zalo kumaKomkhulu.

Kaloku xa thina booSopolitiki sicela ukonyulwa siza kuni apho nihlala khona, asithi yizani kuthi. Kufanelekile ke ngoko ukuba iinkonzo zikaRhulumente lowo nithe namonyula ziziswe kuni.

Elokugqibela nali: IiNkosi mazohlukane nokushwabanisa iminqwazi, zikhahlele kumaphakathi angoosopolitiki. Ngokwenjenjalo zithoba isidima sookhokho bazo, ziyabaphoxa.

AbaHlekazi mabasebenzise igunya labo lemveli ngokunika imiyalelo koosopolitiki – ukuqalela kuMongameli naBaphathiswa bakhe, iNkulumbuso nabayo, uSodolophu nabakhe, amaLungu eziNdlu zoWiso Mthetho, nooCeba – ukuba bazise iinkonzo zombuso ezisulungekileyo nezisemgangathweni ebantwini. Mazikhalime kuqala iiNkosi xa la maphakathi erhwaphiliza imali yesizwe.

Abefundisi belizwi ke bona ngamaphuth’ahlathinye neeNkosi. Ukuphulukana nezimilo koluntu ngumsebenzi wabo ukuzibuyisa ezo zimilo zigwenxa.

Ubusela, ubugqwirha, ubugebenga nobudlwengu ngamanyala lawo ekufuneka eliwe, ancothulwe neengcambu zawo zezi zicaka zikaThixo. Ndiyacamagusha!!

*Le yintetho kaNkosi Phathekile Holomisa (ah! Dilizintaba), inkosi yamaHegebe, umongameli ngewonga wengqungquthela yeenkokheli zemveli zoMzantsi Afrika (CONTRALESA), ilungu lendlu yowiso mthetho, usekela mphathiswa wesebe lokusebenza, ngemini yomsitho weCONTRALESA, ePhumlani, cebu kuhle kwisixeko sasemonti, ngomhla wa-22 kweyeSilimela 2018