Iminqweno yabafundi abathetha ngezandla kukuba ngootitshala ukuze bakwazi ukuncedisa abafana nabo!

Abafundi abathetha ngezandla baseSive Special School eLusikisiki, uPhilasanse Madikizela kwakunye noSive Ngiyane, abawongwe njengebanye abagqwesileyo kwiziphumo zikaGrade12 zonyaka u2024. UMFANEKISO: PEDRO MAPELO

USive Ngiyane waseSive Special School eLusikisiki nowongwe njengomnye wabagqwesileyo kwabathetha ngezandla, uthi iphupho lakhe kukuzibona sele engutitshala ukuze akwazi naye ukunceda abakwimeko efana neyakhe njengoko naye wathi wancedakala encedwa ngootitshala bakhe.

UNgiyane (20), noyinzalelwane yaseNgcanaseni eNtabankulu nowazalwa engeva ngendlebe, ayinguyanga yedwa othe wafumana iwonga lokuba ngumfundi ophume izandla eSive Special School, omnye nguPhilasanda Madikizela (20) nofumene iwonga lokugqwesa ngokuthetha ngezandla (sign language).

Eli phephandaba I’solezwe lesiXhosa lincokole naba bafundi litolikelwa ngosele ephume izandla uBulelwa Rululu.

UMadikizela, welali yaseGreenville eMbizana, naye uthe uza kufundela ukubangutitshala kwaye ahlohle isiNgesi, uthi akuqaphelayo kukuba abantu abakwimeko efana neyakhe basokola kakhulu kwisiNgesi.

“Ndifuna ukuqinisekisa ukuba abancinci abaseza emva kwam abasokoli, ndifuna ukuqinisekisa ukuba nabo bayapasa bafane nam,” utshilo uMadikizela.

UNgiyane uthi oku kuwongwa kwakhe kwakuthi kubengumzekelo nasekuhlaleni kwanakubantwana abaphelelwa lithemba.

“Ndiyayazi akukho lula ukukhula wohlukile kunabanye abantwana, kungoko ndifuna nam ukuba ngutitshala ukuze nam ndifundise abafana nam bakwazi ukuzithemba kwaye babone ukuba okwenzeke kum kungenzeka nakubo,” utshilo uNgiyane.

Aba bafundi bebeseICC eQuigney eMonti ngoLwesibini ngethuba iSebe lezeMfundo liwonga abafundi abagqwesileyo kwiziphumo zikaGrade12 zonyaka u2024.

Aba bafundi kudliwanondlebe babulele inkxaso abayifumana kootitshala bonke babo esikolweni sabo eSive Special School. Akhange babalibale nabazali babo kunye nosapho lonke olubaxhasayo ngokunjalo.

I’solezwe lesiXhosa libulela itoliki yabo uBulelwa Rululu nanjengoko bekungazukubalula ukuva imincili, kwanezicwangciso, neminqweno yaba bafundi yeminyaka ezayo.