Iminqweno yeKumkani iyafezekiswa

IKumkani yamaXhosa uZwelonke Sigcawu ukhothame enezicelo ebezicela kurhulumente. Esinye sezo zicelo sesokuba indlela ephakathi kwedolophu yakuGatyana kwakunye nolwandle laseDwesa mayifakwe itha. Eso sicelo siyafezekiswa ngurhulumente.

Kungentsuku zatywala inkampani ezakwakha la ndlela iza kuqalisa ukusebenza. Kwiminyaka embalwa edlulileyo kwawa ibhasi kule ndlela kwaze kwasweleka abantu abangaphaya kwamashumi amathathu.

NgoLwesihlanu, umhla weshumi elinesixhenxe kuJanyuwari, uMphathiswa weSebe lezeNdlela eMpuma Koloni uWeziwe Tikana-Gxothiwe ephelekwa nguSodolophu woMasipala waseMbhashe uSamkelo Janda, ebesazisa ebantwini inkampani eza kwenza itha esuka kuGatyana edolophini iyokuma ngolwandle iDwesa.

Le ndlela iza kufakwa le tha ingumgama ongamashumi amahlanu anesibini (52 km). Umsitho wokwazisa inkampani eza kwakha indlela ububanjelwe kwiHolo yoLuntu kwilali yaseUpper Gwadu kuGatyana.

Le nkampani iza kwakha le ndlela ibizwa ngokuba yiWBHO. Ngokutsho kukaMpathiswa uTikana-Gxothiwe, le ndlela iza kwakhiwa izigaba ezine (four phases).

“Isigaba sokuqala sesiqoshelisiwe nalapho siye safakela itha kwizitalato ezithile apha edolophini. Ngoku le inkampani iza kuqalisa isigaba sesibini nalapho siza kuthi sithathe umgama olishumi elinesihlanu (15 km). Kulindeleke ukuba ithathe iminyaka emibini le nkampani xa isakha isigaba sesibini kule ndlela. Inkampani sele ikulungele ukuqalisa umsebenzi nto nje kufuneka kuqale kusekwe isigqeba solawulo (interim committee) esiza kujongana nale projekthi. Sifuna esi sigqeba ibe siso esijongana nezinto eziza kuthi zifuneke kule projekthi ezifana nokuqeshwa kwabantu njalo – njalo,” utsho uTikana-Gxothiwe.

Abantu bezi lali iza kuhamba kuyo le tha babonakala bechulumancile kuba urhulumente ubazisela inguqu. UTikana-Gxothiwe uthi le projekthi iza kuvelisa amathuba emisebenzi ingakumbi kwabo bangathathi ntweni.

“Ndiyacela xa niqasha ze niqinisekise ukuba niqala ngabantu abaphuma kumakhaya ahlelelekileyo. Kwaye niphinde niqinisekise ukuba i30% yoomama kwakunye ne30% yolutsha iyaxhamla kwizithuba zemisebenzi. Esinye sezicelo endinaso kukuba kungaqashwa abantu abathathu bomzi omnye. Kaloku kufuneka wonke umntu axhamle. Le projekthi ingayithatha iminyaka emibini ukuba siyasebenzisana. Ukuba nike nalinga nanemigushuzo ze niyazi ukuba nilibazisa inkqubelaphambili yokwakhiwa kwendlela. Zikhona iindlela ezayekwa phakathi ngenxa yemigushuzo eyenziwa ngabahlali. Kwaye urhulumente imali yakhe yemka namanzi kuba inkampani kusakufika ela xesha lesivumelwano iyahamba nokuba ayigqibanga ngoba yona khange imise msebenzi. Xa sisiya kwiinkundla zamatyala ziyaphumelela ematyaleni iinkampani kuba zihamba ngokwento ebekuvunyelenwe ngayo. Ndiyacela bahlali xa kukho into enganikholisiyo hambani niyoyifaka kwisigqeba solawulo esiza kuba khona. Makungade kume umsebenzi ngenxa yokungaboni ngasonye. Ukuba nifuna iqale kwangoku le projekthi yonyulani isigqeba solawulo ngokukhawuleza,” utsho uMphathiswa uTikana-Gxothiwe.

Urhulumente kulindeleke ukuba achithe izigidi ngezigidi xa kusakhiwa le ndlela.