ULunga Solani (27), uza kuchitha iminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ekwezimnyama izisele emva kokufunyanwa yinkundla yengingqi yakuCentane enetyala lokudlwengula uninakhulu onama85 eminyaka ubudala.
Ingxelo ephuma kwiGunyabantu lezoTshutshiso ithi uSolani wakwenza oku kuninakhulu wakhe ngomhla we31 kweyeKhala ka2021 kwikhaya labo elikwilali uMandluntsha kuCentane.
Ngokwengxelo ebekwe phambi kwenkundla, umakhulu wayelungiselela ukulala eyokucima isibane kwigumbi lokuphekela ngethuba ehlaselwa ngumzukulwana wakhe. Umakhulu kulapho weva kukhatywa ucango kungena umzukulwana wakhe emtyhilizela kwigumbi lokulala wamdlwengula.
Ingxelo ithi umakhulu wazama ukuzilwela kodwa woyisakala ngenxa yeminyaka yakhe emva kokuba uSolani waye wamdibanisa nedonga, embetha ngenduku.
“USolani woyisakala bubuthongo emva kokudlwengula umakhulu kwakwigumbi elo. Umakhulu wayesele ngelo xesha ebikele usapho nabamelwane nabaye baqokelelana kwagqitywa ekubeni kubizwe amapolisa,” udize oko uLuxolo Tyali nothethela iNPA.
USolani phambi kwenkundla uliphikile elokudlwengula ityala, walivuma elokuqhekeza nelokuba.
UMtshutshisi uSiyabonga Manase uveze ubungqina beJ88 phambi kwenkundla, ebonisa izivubeko zokukrwitshwa nokubethwa kukamakhulu.
I-NPA isamkele esi sigwebo, isithi uSolani bekufanele ukhusela uninakhulu hayi ukumxhaphaza.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8