‘Iminyaka eli18 engaphumi endlini’

Nantazana Nyaniso waseMdantsane ucela uncedo lokwahlukana nengxaki yokungakwazi kuhamba ngenxa yemilenze emikhulu

Umhla weshumi elinesihlanu kweyoKwindla ngumhla wokuzalwa kukaNantazana Nyaniso (77) waseMdantsane nosele egqibe iminyaka elishumi elinesibhozo ehleli endlwini engaliboni ilanga ngenxa yemilenze yakhe emikhulu ngokungaqhelekanga.

“Ndagqibela ngo2000 ukuphuma phandle ndihlale ndigcakamele ilanga, ndincokole nabantu, ngenxa yale milenze andikwazi kuphuma phandle, ndenza yonke into ndilele ebhedini,” ekhathazekile utshilo uNyaniso.

Le nkosikazi icela isipho somhla wokuzalwa esisitulo sokuhamba ukuze ikwazi ukuphila njengabanye abantu.

“Ndiyazalwa ngoLwesine wale veki, ndicela nabani onokundipha isitulo sokuhamba ukuze ndibhiyoze, ndikwazi ukuphila nam njengabanye abantu,” ubongoze watsho uNyaniso.

Uthi ingxaki yakhe iqale ngonyaka ka1999 esaphangela emakhitshini aseMonti, yaza yaqava ngonyaka ka2000 ngokuthi ikhule isenza ukuba kubenzima ukuhamba.

“Oogqirha akukho nto bayithethayo ngesi sigulo ndinaso sokukhula imilenze, basuka bandixelele ukuba ndinemilenze yendlovu,” utshilo uNyaniso.

Uhamba kwikliniki zasekuhlaleni kuphela, kwaye akukho ncedo lungako alufumanayo, itsho ingxelo.

Ngokwengxelo ngabantu abakwikhulu elinamashumi amabini ezigidi (120 million) emhlabeni abaphila nesi sifo (Elephantiasis), kwaye uninzi lwabo luseAfrika naseAsia.

Ingxelo kagqirha uWilliam Morris owenze uphando ngesi sifo uthi ezinye zempawu zesi sifo kukudumba.

“Oku kudumba kubangelwa ngumbungu otyhutyha igazi lomntu, kwaye wenza kubelula ukosulelana kwabantu ngesi sifo,” uthethe watsho uMorris.

Ummelwane wale nkosikazi uDickson Nenene nguye othe wahlaba ikhwelo lokukhangela uncedo egameni lale nkosikazi ihluphekayo.

“Ndibone intlungu ekweli khaya ndaza ndaxheleka kukubona intlupheko angena kuyo lo mama nentombi yakhe, siyacela makancedwe lo mama,” uthethe watsho uNenene.

UNenene uthi kudala ejikeleza ekhangela uncedo olunokwenziwa ukubuyisa impilo eqhelekileyo yale nkosikazi.

“Nangona emdala nje kodwa uphilile akanaso nesinye isifo ngokwengxelo yoogqirha ahamba kubo ekliniki, nokuba uncokola naye uthetha into evakalayo ebonakalisa ukuhlakanipha,” kutsho uNenene.

UMandisa Nyaniso yintombi yalo mama ethwele uxanduva lokucoca, ukuphipha nokutyisa unina imihla yonke yempilo yakhe.

“Xa kufuneka ephumile apha endlini ndinyanzeleka ukuba ndicele amadoda amahlanu ukuya kumadoda amathandathu ukuba aze kundincedisa ukumkhupha apha endlwini,” uthethe watsho uNyaniso.

Uthi imali kanina yenkam-nkam ihamba umgama omde kuba kufuneka bethenge amanaphukeni, iisepha ezizodwa zokumcoca, izinto zokunukisa kamnandi.

“Akukho nontlalontle okanye gosa lempilo elikhe limtyelele ukuza kukhangela imeko yakhe, lisicebise okanye linike inkxaso nokuba kungamazwi,” ebuhlungu utshilo uNyaniso.

USizwe Kupelo wesebe lezeMpilo eMpuma Koloni akafumanekanga ukucacisa uncedo abanokulinika le nkosikazi ukuze iphile ubomi obungcono.

“Ndicela isitulo esihambayo esikhulu kuba ndimngaka, ndirhalela ukubona ilanga nam, ndincokole nabantu ndihleke njengomntu wonke apha phandle,” ucenge watsho uNyaniso.

Lo ngumama wabantwana abathathu, yena uhlala nabantwana ababini kweli khaya lakhe.