Iminyaka elishumi engaphaya kwamasango eYunivesithi umfundi ngenxa yokudlwengula

UMFUNDI owenza unyaka wokugqibela kwizifundo zeBachelor of Commerce, kule veki uye wakhutshelwa ngaphandle yiYunivesithi yaseRhodes emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula.


Ibhodi yezoluleko ejongene nokungaziphathi kakuhle ngokwezesondo [Disciplinary Board for Sexual Offences] nebiphulaphule eli tyala, iye yagqiba kwelokuba lo mfundi angawubeki umcondo wakhe kumasango ekhampasi yale yunivesithi ngexesha lesigwebo sakhe, oku kwaziswe nguVeliswa Mhlope othethela le yunivesithi.

 

Kwakhona, uMhlophe ukwathi nerekhodi lakhe lokufunda lakuthatyathwa njengelingonelisiyo. Nawaphi na amanqaku ayakuthi awafumane nakweyiphi na iYunivesithi kule minyaka ilishumi yokubekelwa kwakhe bucala akayi kuselwa-so yiYunivesithi iRhodes.


Le yunivesithi ayilazisanga igama lalo mfundi.


Kwisigwebo sayo, iBhodi iye yavumelana notshutshiso ngelithi, udlwengulo luyinto enomdintsi kwiindawo zoluntu kwaye lujongela phantsi umakulingwane nenkululeko yamanina.


“EYunivesithi iye iwathezele ezantsi amandla owasetyhini okuqhuba nezifundo zakhe nokufumana isiqinisekiso sakhe semfundo, ichaphazele imeko yentlalo yakhe yezoqoqosho,” iphawule yatsho le Bhodi.


Ephefumla ngeziphumo zeli tyala, inqununu yeYunivesithi iRhodes, uGqr Sizwe Mabizela, uthe le Yunivesithi sokuze iyinyamezele impatho-gadalala ngokwezesondo noxhatshazo ngokwesini.  


“Igqiza lethu lotshutshiso luye lafikelela kwisigqibo sokukwaya umtyholwa ithuba elide. 

Ngokokugqiba kwayo, iBhodi iwise iminyaka elishumi yesigwebo esimkhuphela ngaphandle. Siyasamkela. Siyathemba ukuba eso sigwebo sinjalo sakuthumela umyalezo nakwabanye. Sikwanethemba lokuba oku kwakukhuthaza nabo bathe baxhatshazwa ngokwezesondo nangokwesini ukuba beze ngaphambili ukuze kujongwane ngqo nabenzi bobubi,” kutsho uGqr. Mabizela. 


“Sibamba ngazo zozibini kwigqiza lethu lotshutshiso, elikhokelwe nguNks. Sue Smailes, ngobunono nobuchule abaye bawuphanda ngawo lo mba, ngokunjalo nenkxaso kwakunye nenkuthazo abayinike ummangali,” kutsho uGqr Mabizela.