Iminyaka elishumi kuGqirha ozame ukubulala umfazi!

Ugqirha owaziwayo waseSummerstrand eBhayi ugwetywe iminyaka elishumi engaphakathi eziseleni, egwetywa yiNkundla kaMantyi emva kokufunyanwa enetyala lokuzama ukubulala inkosikazi yakhe yile nkundla.

Ingxelo ephuma kothethela ingingqi kwiGunyabantu lezoTshutshiso, uAnelisa Feni-Ngcakani, ithi ukubanjwa kwalo gqirha nogama linguMkhuseli Boto (50), kulandela emva kokuba wathi wanengxabano nenkosikazi yakhe emzini wabo eSummerstrand ngeyeThupha kunyaka ophelileyo.

“UBoto nenkosikazi yakhe babenengxabano kunyaka ophelileyo, ngxabano leyo yenza ukuba inkosikazi imke ekhayeni iintsuku ngeliyokuziphozisa. Emva kweentsuku ezintathu ibuyele emzini wabo, le nkosikazi, nekulapho yayiyokuthatha iimpahla zayo, kwathi kanti kuyokuqalela phantsi ingxabano yabo. UBoto wakhomba inkosikazi yakhe ngompu ebusweni, xa inkosikazi izama ukuphepha, umpu wayichana icala lobuso lasekunene,” utshilo uFeni-Ngcakani.

UBoto waye wabanjwa kwangoko ngamapolisa ze inkosikazi yabalekiselwa esibhedlele nekulapho imbumbulu yakhutshwa khona kwindlebe yasekunene.

Ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga kaCanzibe 2020, iNkundla yengingqi iye yamfumana enetyala lokuzama ukubulala uBoto.

UMtshutshisi wetyala uBenedict Wilson, ngethuba kuqhuba ityala, waxelela iNkundla ukuba obekwa ityala zange abonakalise kuzisola kwangosuku lokuqala kuqhuba ityala ngaphakathi, koko ebefuna inkundla ijonge okungathi inkosikazi yakhe lixoki.